Ubundlobongela kwakunye nesimilo esinoxhaphazo lwabanye ngumba onzima kakhulu lo apha eMzantsi Afrika. Landela uKevin njengokuba esiya kuhlangana neqela lamadoda ukuya kuxoxa ngengxaki yakhe kwakunye nezamanye amadoda, nokuba bangaziguqula njani ezo ngxaki zibe zizisombululo ezinokuba luncedo kubo, kwiintsapho zabo kwakunye neendawo abahlala kuzo ngokuphangaleleyo.
ABADLALI
KEVIN: Utata onomkhwa wokuxhaphaza kwaye onguzwilakhe.
SAMANTHA: Umfazi kaKevin.
ANDY: Unyana kaKevin.
KOBUS: Oqhawule umtshato ekwangunyana womfo ongqongqo.
COACH MASUKU: Ofundisa ngobomi ekwangumseki nomququzeleli we Brother’s Keeper.
HENDRIK: Unyana wendoda engumxhaphazi; ngoku ungumyeni oxhaphazayo.
THABO: Owayesakuba libanjwa, ebanjelwe ukudlwengula umfazi wakhe.
MAKGATHO: Oxhatshazwe ngokwasemoyeni nasenyameni engunyana wendoda ebingumxhaphazi engasekhoyo ngoku.
MZWANDILE: Owayesakuba libanjwa odinga ukwamkeleka ekuhlaleni.
SBUSISO: Othandana naba sisini esinye kwaye egxothiwe ngabazali bakhe.
PETER: Ixhoba lokuxhatshazwa emsebenzini.
Lo mdlalo uyafumaneka ngesiNgesi apha