Human Rights Day
31 Matshi, 2000

ULeonard Gregory uhleli ngaphandle kwebala lezemidlalo laseBhongweni eKokstad. ULeonard lo ngumGrikwa ophuma kwiMpuma yaseGrikwaland kwingingqi yaKwaZulu-Natal. Ubukele iqela leBush Bucks yaseMthatha, idlala icela umceli mngeni neqela labadlali bakwingigqi yaseKokstad. Baliqela abantu abaze kubukela lo mdlalo, okwangomnye wemibhiyozo yosuku lweHuman Rights Day.

Emva kwalo umdlalo, owona mdlalo wosuku uza kuba phakathi KweDangerous Dinosaurs yaseThekwini kunye neVukuzenzele yaseBizana. Lo mdlalo wohlukile kweminye imidlalo, bonke abadlali ababandanyekayo bakhubazekile, kwaye badlala ngeentonga. Ababukeli babonakala bothukile, abazange bayibona into enje, aba badlali basebenzisa iintonga njengemilenze, kwaye benesakhono kumdlalo webhola ekhatywayo. Kukho intswahla, ababukeli bayakhwaza, bebiza imilozi, bezama ukubakhuthaza.

Lo mnyadala uququzelelwe nguLeonard Gregory. Njengokuba ehleli, ebukele abadlali besihla benyuka ebaleni ngeentonga zabo, nentswahla evela kubabukeli, uncume yedwa unkabi. Uyazi ukuba lisebenzile icebo lakhe.

Uyazi ukuba ukusukela ngoku uluntu luza kutsho lwamkele into yokuba abantu abakhubazekileyo banezakhono. Abangabo oongantweni. Bangadlala indima enkulu ekuphuhliseni indawo abahlala kuzo, njengokuba uLeonard Gregory enzile.

ULeonard Gregory ukhubazekile. Usebenzisa iwheelchair. Xa ehamba usebenzisa iintonga, njengabadlali basebaleni, kodwa akazange azalwe enjalo.

Kweli bali uza kufumanisa nzulu ngoLeonard Gregory, ubomi bakhe, inkolo, kwakunye nomsebenzi wakhe nabantu abakhubazekileyo baseKokstad.

Dangerous dinosaurs

Dangerous Dinosaurs Football Club yaseThekwini