Ukukhala kwe-alam, avuleka phantse kwangoko amehlo akhe, u_Anti Lisa wayesazi ukuba kusile kwaye kwakufuneka evukile. Okwakungcono kwakukuba uDon wayengazi kuvuka namhlanje, wacinga njalo encumile. UDon wayenohlolo lukagqirha nge 12:30 kwaye uFido yayingumsebenzi wakhe ukubona ukuba uDon uyaya kwagqirha njengoko kwakucwangcisiwe. UDon wayenesifo sesifuba kwaye ugqirha kwakufuneka amjonge imiphunga yakhe ze alungelanise indlela amakathabathe amayeza ngayo.

Wayengafuni kuphinde kwenzeke okwakukhe kwenzeka ngexesha uDonovan wayesahlala nabo. Wayemcele ukuba ase uDon kuhlolo lwakhe lwesiqhelo lukagqirha kodwa akazange ayenze loo nto, wasuka waphosisa wathi umsile. Wayivuma le mpazamo xa kwenzeka ukuba agule kakhulu uDon. U-Anti Lisa wayengakwazi ukuphinda amkele ubuxoki kakhe. U-Anti Lisa wayeyicinga le nto ngelixa awayesebhafini enamagwebu e-blueberry, ezinononga umzimba ngoMgqibelo.

Wathi akugqiba, wazosula ngetawuli epinki eyayithungelwe ngemibhalo ethi “His and Hers”. Esi yayisisipho awayesiphiwe nguDonovan ngosuku lwe-Valentine. Wanxiba iimpahla zakhe zomsebenzi – wayeziva onwabile ngale ntsasa kungekuba kwakungenjalo ngezinye iintsasa kodwa ngale kwakukho nje into ekhethekileyo ngayo.

Watya isidlo sakhe sakusasa ngeli lixa efunda umba wezolo we-African Report, kwiphepha lomphakathi elinekezelwa kubahlali baseTsakane neengingqi zayo. Walifunda eli phepha, efunda icandelo ngecandelo de wafikelela kwicandelo lezemidlalo. Apho wathi qgi kubuso abuqhelileyo – ubuso beliya nene ewaye edibene nalo ePingo. Walifunda eli nqaku lephepha; yayinguye kanye. Nalo igama lake libhalwe ngqindilili: UCoach Blanc ebuyisela isikolo kwiseshoni kwakhona, sasisitsho eso ihloko. Sasivakala ngcono ngakumbi ngelo lizwi lakhe langaphakathi elalibuthandabuza.

Kancinci, kancinci ingqondo yakhe yaqalisa ukuthelekisa uLouis noDonovan waza uLouis waluphumelela ugqatso engqondweni yakhe; omnye wayengusomashishini onempumelelo kwanomphathi womphakathi omnye wayesebenza kumzi-mveliso weeplastiki.

Okwexeshana wayithi ntsho loo foto, de waqonda ukuba, ukuba akaphakami aye emsebenzini kwangoko nangoko, uza kufika emva kwexesha emsebenzini. U-Anti Lisa wathabatha izitshixo zakhe nesipaji, waphuma, watshixa ucango. Wayefuna ukuthenga izinto ezimbalwa kuloo venkile yomTopiya esekoneni, waza ke wasinga khona ngokukhawuleza esazi ukuba u-Ayman wayevula kwangentseni.

Akungena evenkileni, wathabatha izinto awayezidinga waza waya ku-Ayman ekhawuntarini engaphambili. Wavula isipaji sakhe kodwa ibhili iR100 eneenombolo ezibhalwe bomvu kwakukuphela kwemali enkulu awayeyifumana. Wayesazi ukuba kwakukho ezinye iimali ezingamaphepha ezinkulu apho. Ingaba zazilahlekile okanye ingaba uyaphazama?

Wakhupha lo bhlili iR100 eyayibhaliwe waza wahlawula u-Ayman ngayo. Wayithabatha u-Ayman waza wayijonga phantsi kokukhanya eyijonga ukuba iyinene na okanye ibubuxoki. “Yinombolo yantoni le ibhalwe bomvu?” wabuza. “Andazi,” u-Anti Lisa wanyusa amagxa. Wancuma emjonge ngokomntu omsulwa waza u-Ayman wambuyisela itshintshi yakhe. Emva koko wambulela waza wakhawuleza waya emsebenzini.

Emva nje kokuba ephumile, amadoda amabini anxibe iimaski angena apho evenkileni ejiwuzisa iintonga neemela ezenziwe emakhaya. Ayalela u-Ayman ukuba akhuphe yonke into ekumatshini wemali ayifake kuloo bhegi awayinikezelayo. U-Ayman wagqiba ekubeni anikezele enze ngokwemiyalelo, wayengazi kwamntu owayenokuthi aze kumnceda ekuseni kangako.

Wakhupha konke okwakusematshinini wemali, kwaphuma naloo bhili yeR100 enenombolo ebhalwe bomvu. Bahamba aba baphangi bengamlimazanga.

Baya kwindawo ethe cwaka besiya kwahlulelana ngaloo mali yokuphanga, kodwa bahlala bemaskile ngalo lonke ixesha. Kwakungeyo nto yokuba besoyika i-coronavirus, mhlawumbi babecinga ukuba usenokuba ukhona umntu obajongileyo onokuthi abazi, abakhombe. Bakugqiba ukwahlulelana ngomphango lowo, bahamba baya kumacala awahlukeneyo, bazimela kancinci phambi kokuba bakhulule iimaski ezo, baza basinga emakhaya.

Emva kokukhulula imaski yakhe, uFido wagoduka waza wabala owakhe umohlulo womphango lowo. Waqwalasela laa bhili iR100 enenombolo ebhalwe bomvu awayeyibone ikwisipaji sika-Anti Lisa. Wayijonga waza wasebeza esithi, “Andiyithandi indlela endiziva ngayo kodwa ke ndenza loo nto ubani afanele ukuyenza ukuhlawula iibhili zakhe!”

UFido wasa uDon kwidinga lakhe nogqirha baza bathi bakubuya bafika u-Anti Lisa sele ebuyile emsebenzini. Yhee, hee! Wacinga uFido. Ngoku singaya eSprings noGeorge siye kufumana iwidi esulungekileyo, abafazi abathambileyo kwanotywala obunzima! Wavalelisa waya kulanda uGeorge.

Bathi bakufika eSprings, baya eCarlito’s, kwi-spot sabo sesiqhelo e-Fifth street. Ivavavuma yayisele ivakala iphuma eklabhini apho – le klabhu yayisele igcwele ngabantu abatsha. Ukufika kwabo, uFido wadanisa imizuzu engephi, edanisela ingoma yakhe ayithanda kunene, ‘Ubuginciginci’, “Indoda yakho u zero!” UFido wakhwaza ekhupha wonke umoya owawusemiphungeni elinganisa le ngoma. Wayeziva ephakamile, ekwelona zinga eliphezulu emhlabeni, kuba kaloku owayemaqhosheni wayesele emqaphele njengomye wabo abahamba apho rhoqo. UFido noGeorge bathenga iziselo ezimbalwa, baza baya kumanenekazi, emva koko kwalandela iwidi. UFido wayisebenzisa laa bhili iR100 enenombolo ebomvu ethengela amantombazana iwidi. Umthengisi wayijonga lebhili ingaqhelekanga kodwa wagqiba ukuba ilungile wanikezela iwidi kuFido. UFido noGeorge balala eSprings baza bavuka kwangentseni, izisu zikhala yindlala neepokotho zingenamali. Konke kwakulahlekile, kungekho ndlela yakugoduka.

***

Khawusixelele: Ucinga ntoni ngoFido noGeorge?