Ngamanye amaxesha imimoya iye ibhudle kabukhali kulo mmandla wase Siyakhula ufike amatyotyombe la ehexa namazinki ebetha-bethana kude kubenzima nokuba umntu makalale ebusuku, kuba esoyikisela ukuba angathi aphephetheke amke ngenxa yomoya. Xa uvula ucango kusasa intlabathi esuka kwiinqumba zesanti yaselwandle ezikufuphi ikuhlaba kabuhlungu emilenzeni, ngokungathi lo moya ubulalele wena kanye.

ULinda uhlala kunye nomakazi wakhe uRose Dabula kwakunye nabazala bakhe abane. UMakazi uRosy usebenza iintsuku ezimbini evekini njengomncedisi wasekhaya kwindawo ekufutshane ebizwa ngokuba yiMuizeberg. Abaqeshi bakhe ngogqirha ababini abasebatsha, abahlala kwiflethi ejonge elwandle. Kwezi zintathu iintsuku umakazi uRosy uthengisa amafetshu kwakunye nesiselo sejinja asenze ngokwakhe kufutshane nesikhululo sika loliwe. Ngumsebenzi oluxanduva ke lo. Kumele avuke kusempondo zankomo ukuze akwazi ukwenza inzuzo ethe xhaxhe xa ethengisela abaphangeli abangxamileyo ngeza yure zasekuseni.

ULinda weza kuhlala eKapa kwiminyaka emine edlulileyo, ekwibanga lesibhozo (Grade 8), nje emva kokusweleka kuka mama wakhe. Usalila nanamhlanje xa ecinga ngaloo mini yesithwakumbe xa yena nomama wakhe babewela umgaqo wemoto oxakekileyo kwidolophu yaseMonti.Ukukrixiza kweziqhoboshi zemoto kwakunye nesikhalo esikrakra sikamama wakhe ezo zinto zisacace gca engqondweni yakhe.

Ubomi bukaLinda babuguqulwe bajongiswa ezantsi. Ngesiquphe waye engenabani. Umama wakhe wayengumzali ongatshatanga kwaye uLinda wayengazange wamazi ukuba ngubani utata wakhe. Umama wakhe wayengathethi nanye ngezo zinto ngexesha wayesakhula.

Mnye kuphela umntu awayemazi njengesihlobo sakhe, yayingumakazi uRosy, udade bomama wakhe omkhulu, owayehlala naba ntwana bakhe abane eKapa. Oyena umdala umntwana kamakazi uRosy yayiyintombi eneminyaka elishumi elinesithathu ngoko. Omncinci kubo, ekuphela kwenkwenkwe elusatsheni, wayesandula ukugqiba iminyaka emithandathu. ULinda wayeneminyaka elishumi elinesine ngoko.

Wayengabaweli ukuba ngumthwalo emagxeni kamakazi uRosy. Umama wakhe wayengamshiyanga namali yokuqhubeka nezifundo zakhe, wayekhamnqisiwe ukuba kazi umakazi wakhe, owayexakwe kukukhulisa abakhe abantwana, uyakukwazi njani ukunceda yena agqibe ukufunda esikolweni. Ebelila ke iintsuku ngeentsuku ngenxa yale meko. Wagqiba ekubeni apakishe iimpahla zakhe ebhegini aze athathe imalana yokuba athenge ukutya eyayishiywe ngumama wakhe kwisipoponi esidala sepinathi bhatha esasisetafileni ecaleni kwebhedi yakhe. Le mali yayonele nje ukuba athenge itikiti le bhasi lokuya eKapa.

***

Khawusixelele : Yintoni enzima ngokuya kuhlala kwizizalwane ?