Emva kobo busuku ndigqibe ukuba ndiyeke ukutyelela uThobekile kwakhona. Zaqengqeleka iintsuku, zadlula iiveki zantathu ndingafumenanga thuba lokuhlala naye sisodwa. Ndaziva ndigula kukumkhumbula kodwa ndabe ndingena indlela yakumbona. Ndandisoyika ukubhaqwa.

Ndandingazi ukuba kubuhlungu kanje ukukhumbula umntu omthandayo ube unganayo nento ongayenza ukuze uzive ungcono. Kwakuba buhlungu kum xa ndimbona ehleli edesikeni yakhe ekoneni kalusizi ebonakalisa iimpawu zokundikhula. Kwakungahle ndingaya kuye ndimange. Ndandinqwena ukuba saziwe ngabantu bonke ukuba siyathandana.

Ndaziva sisifuthu-futhuesabanga ndifune ukuphalaza. Ndaxhuma ukuya emnyango, ndaleqa kwigumbi langasese.

“Nkonzi.” Ndabulela ukundibiza kwakhe kamnandi engasebenzisi uChirch Girl xa ebhekisa kum. “Uyafa, love?” kwakusitsho uPamela.

Le yayiyimini yokuqala uPamela ebonakalisa ubuhlobo kum. Weza wandigona wandiphulula emhlane.

“Owu!” Ndatso ndiphefumlela phezulu.

“Yintoni Nonkonzo, girlfriend?”

“Andiyanga xesheni, ngoku ndiyagula.” Ndazama ukuthoba igxala, kodwa ndohluleka kuba ndisazi eyona nto ingalunganga kum.

“Ufuna ukuthi you’re preg? Ukhulelwe?” Watsho etyhafile uPamela. “Nakha nabelana ngesondo ninoThobekile?”

Ndanqwala ngentloko.

“Kangaphi?”

“Amatyeli agqithileyo kwisibini.”

“Ndiqinisekile nazikhusela.”

Ndinikine intloko.

“Ungaxhali, le nto ayithethi ukuba ukhulelwe.”

“Pam, ndiyayazi into xa ingalunganga ngomzimba wam. Jonga umzimba uyatshintsha kwaye ndiva ndinentw’ endinayo ngaphakathi.”

“Andiqondi kodwa ukuba ukhulelwe.”

“Ukuba ndikhulelwe?” Inkxalabo endandinalo yayingalawuleki. “Uyazi ukuba ndingayini ngumama? Utata yena uya kundingcwaba ndihleli. Bangade balahlekelwe sisikhundla ecaweni. Ndincede Pam. Ndiyakucela ndincede.”

“Njani, love. Andinayo indlela yokunceda ngaphandle kokuba ndithi xelela abazali bakho.”

“Wakha weva ngendawo ekhupha izisu?”

Ndaba ndizibhudile izingqi ngokutsho. UPamela wathetha ngokomzali endilumkisa ngokungalungi kokhupho-sisu. “Uyakuthini ukuba ubulala umongameli, okanye umsindisi wamahlwempu okanye uYesu wesibini.”

“Abazali bam bazakundigxotha ekhaya ukuba ndingazala umntwana.”

“OK Nonkonzo. Kodwa kuqala, xelela uThobekile phambi kokuba usikhuphe.”

“Andikwazi. UThobekile uvavanywa ngabantu bescholarshipbaseNgilane. Ukuba ndingamxelela ngale nto uya kuphazamiseka, abazali bakhe bangamyekisa nesikolo. Mhlawumbi angapheth’ esebenz’ emigodini.Andazi ukuba lilishwa lani eli lindehlelayo. Ndilele noThobekile amatyeli ambalwa.Ingaba uThixo uyandohlwaya?”

“Kulungile, ndizakwenza icebo. Kodwa ukhumbule ukuba usenako ukutshintsha ukucinga kwakho nanini na uthanda ungcine lo mntwana”

Kusuku olulandelayo uPamela wandiphathela iphetshana lentengiso. Kulo kwakudweliswe imimangaliso eyenziwa nguDoctor Mamazian. Ndandingenamdla kuthotho lwemimangaliso, ndandifuna ukusombulula le ngxaki yayikhula ngaphakathi kum. UDoctor Mamazian wayeyimpendulo yam nethemba lam lokuqala nelokugqibela. Ixabiso lokuxilogwa lalingaxhomanga kwaye imali ndandinayo.

“Uqinisekile ukuba awufuni kuyenzala esibhedlele le nto?”Ubuzile uPamela.

“Ndizakuya kuye ngoMvulo ndibone ukuba liyafumaneka na iyeza lokuqhomfa lo mntwana.” Ndatsho.”Uzakundikhapha? Ndiyakucela ndikhaphe.” Ndabongoza.

“Andikwazi Nonkonzo. Ndinyanzelekile ukuba ndibesebaleni lemidlalo nasekwayarini. Kodwa ndithembise ukuba akuzuhamba wedwa. Ungalinda iintsuku ezimbalwa emva koko ube ngona uthatha isigqibo.”

***

Sixelele ukuba ucinga ntoni: Yintoni ezakwenzeka kwaDoctor Mamazian?