Ngenjikalanga elandelayo sibuyele kwibala lebhola elimbhatshileyo ngokungathi akwenzekanga nto phezolo ebusuku.

Majita, sichitha ixesha lethu sibe sidlala ibhola ekhatywayo. Asizi kuba ziintshatsheli ke phofu,” watsho uLwando xa sibuyela kwindawo yethu esizimela kuyo, kwindlu yethu endala emoshakeleyo ngasemva elalini.

Asiphenduli. ULwando sele ezenze inkokeli ‘ethile’ ngokukhawuleza. Siyamvumela nathi. Akukho mntu umphikisayo. Ngokukhawuleza nje yonke into ethethwa nguye iyenzeka.

“UNosiviwe uza kubhiyiozela usuku lwakhe lokuzalwa ngomso. Niyazi into emele ukwenziwa zii-Black Tights?” watsho uLwando.

“Yintoni?”

“Imigewu kufuneka yenze oko kumele ukwenziwa yimigewu. Ningosisi yhaaz nina makwedini.”

UMfundo wandijonga.

“Bafethu, siza kungena ngetshova kula pati silawule.”

“Akazukuya namali la mantombazana phaya. Zingafuna ntoni kubo ii-Black Tights?” wabuza uMfundo.

“Mfundo, Mfundo, Mfundo… landela ufunde mtshanam,” waphendula uLwando.

Ndicinga ukuba uLwando uphambene ngoku ngexesha ebamba ngesandla le ndawo kudibana kuyo ibhulukwe ebonisa ukuba uthetha ntoni. “Ukuba bafethu nikhe nenza le nto ndiyicingayo ngobusuku banamhlanje, ndiyakwazi ukuba niyiphethe le ndawo. Ngalo ndlela uya kuhlonitshwa.”

Uma phezu kwethu, ngathi yititshala. Isandla sakhe sasekunene sindithi xhakamfu egxeni: “Ndimameleni – makwedini angaphathwayo,” watsho, eshukumisa igxalaba lam. Ubetha ngamandla emhlabeni ngelizwi ngalinye alithethayo.

Siyahlala sithe tu.

* * * * *

Ngosuku olulandelayo xa ndibuya kubukela ibhola, umama ukwelite inyama yehagu. Idombolo, lingako epleyitini yam yenemeli ekhitshini. UNonyaniso akazukuqalisa umlo nobhuti wakhe, ngoku. Hayi ngoku kukho ukutya okumnandi kangaka. Wayecinga ngalo nto kuphela, evuz’izincwe phezu kwalo nyama.

Thathani ukutya ” watsho uMama.

Sithatha iipleyiti zethu zenameli ezibekwe phezu kwelaphu elinemigca ebomvu namhlophe, zigcwaliswe inyama namadombolo.

Ah, bhuti maan,” kutsho uNonyaniso.

Ndamjonga, ndimangalisiwe. Sekutheni ndingubhuti namhlanje ngokukhawuleza? Ngazo zonke ezinye iintsuku undibize ngegama endinqangaza ngamandla. Ubesoloko endixelela ngendlela yena nabahlobo bakhe abangenanto intle abanokuyithetha ngam ngoku.

Ah, bhuti maan,” watsho kwakhona.

“Yintoni?”

Khawusike kaloku!”

“Nonyaniso, nantsi ipleyiti phambi kwakho igcwele inyama.”

“Ndifun’ukuyitya kakhulu, ukuba ndifuna ukujayiva kakuhle epatini kaNosiviwe kutsha namhlanje ebusuku. Emva koko ndiza kuba no…” watsho ehleka.

Ndakhumbula ukuba yipati namhlanje ebusuku. Ndakhumbula noLwando ebamba le ndawo iphakathi kwemilenze yebhulukwe yakhe esichazele into aceba ukuyenza. Ndifuna ukulumkisa uNonyaniso. Kodwa ndiyathula.

* * * * *

Kusaqalisa ukuba ngokuhlwa xa ndidibana neqela lam kwesa sakhiwo singasetyenziswayo. Ngenye imali esiyoxuthe kuTat’uLudwe, sithenge iibankie ezimbini zentsangu.

“Siza kuzithwala iitights kusebenzi wasebusuku namhlanje?” wabuza uMfundo.

“Uphambene na wena? Singaya njani epatini sithwele iitights ezimnyana?” wabuza uLwando.

Ndijonga iqela lonke. Sonke sinxibe ezona mpahla zethu zintle silungiselela ipati. Ndinejezi enomnqwazi ebomvu, ijini endibambayo nepere ekuphela kwendinayo yeeteki ezimhlophe. Ngumama yedwa owaziyo ukuba ndiza kuzifumana nini izihlangu ezintsha.

Emva kokuba sitshaye intsangu siphumela ngaphandle emoyeni opholileyo sisiya epatini.

Kuphuma inyanga, igcwele ngasemva kwethu phaya ezintabeni. Isenza sibe nezithunzi ezide njengokuba sihamba kwindlela yeenyawo sinqumla ilali sisiya kuloNosiviwe. Izandla zethu zasekhohlo zisezipokothweni, izandla zasekunene ziyajikajika njengokuba sihamba nje.

Kukhonkotha izinja xa sidlula emizini. Asinaxhala kakhulu ngezinja ezikhonkothayo. Sinxibe njengabantu, asisoziporho ezineetights ezimnyama ezintlokweni zethu. Asikawuqalisi umsebenzi wethu.

uNosiviwe uyasimisa emnyango, “Hayi, animenywanga,” watsho kuLwando, emtyhala kancinane ngesandla esifubeni, ngokungathi akanyanisanga ncam…

“Kulungile, kulungile,” uLwando uphakamisa isandla sakhe. “Kufanele senze ntoni ukuze singene?”

“Ayikho, hambani.”

“Umculo wenu mbi maan. Awusebenzi. Singahamba siniphathele ii-CD zethu zangoku. Siza kuza nayo neVodka,”watsho uLwando, wancuma kancinane ngolwa ncumo lwakhe lukhohlisayo.

UNosiviwe wabaleka wangena endlwini. Emzuzwini uyabuya.

“Sine-deal. Yizani nomculo wenu ne-vodka. Kodwa ningacingi kukho into esiza kuninika yona – mhlawumbe intwana ye-sausage umntu ngamnye,” wongeza ngelo.

Siyahamba siya kuloLwando.

“Aha, ha ha! Intwana ye-sausage umntu ngamnye!” wahleka uLwando.

“Phofu yinto naleyo. Sukungabi nambulelo Lwando,” ndatsho kuye, ndicatshukiswa sesi sigezo nekratshi asuke wanalo.

Sithatha ii-CD nebhotile ye-vodka sibuyele kuloNosiviwe. Sele kugcwele epatini xa sifika kunyanzeleka ukuba sityhale ukuze singene ngaphakathi.

* * *

Khawusichazele ukuba ucinga ntoni: Kutheni abanye abantu belukuhlwa yimigewu efana noLwando?