Endleleni egodukayo ndithi, “ Ungayi ngomso. Ndiyakucela.”

“Ngoba kutheni?”

“Ndinale … mvakalelo.”

“Uphambene? Isuti yasemanzini esimahla, isifundo esisimahla. Uzibonile izihlunu zakhe ezintle?”

“Umvile indlela athe ngayo, “Awuzokuzisola’? Ibingathi … inobukrebe.”

“Heh?”

“Ngokungathi ukrebe ubona intini yolwandle, ‘Mmm. Isidlo sakusasa’.”

U-Nomkhita uyahleka. “Hayi wethu ntombi. Sibhanxa!”

“Ibingathi, ‘Yiza kwindawo yam efihlakeleyo. Awuzokuzisola’.”

“Ookrebe abanazo iindawo ezifihlakeleyo.”

*****

Ndihleli kwiklasi yam yezifundo ze-Taxation ezimbini, ndibukele utitshala wam, onala matuma amade ongenazinwele kwintloko yakhe. Ngokwenene, kuthenila madoda angenanwele ezama ukulungisa loo nto?

Ngutitshala olungileyo kodwa, uyawazi umcimbi wakhe.

Kodwa ulwandle lubengezela ngefestile kwaye sele iyimizuzu elishumi emva kwentsimbi yokuqala. Ndinemvakalelo esuka kumazantsi esisu sam.

‘Awuzokuzisola,’ utshilo.

Ukuba …? Ukuba … kwaye andenzanga nto?

Itshokhwe esesandleni sikatitshala yenza ingxolo ebhodini, isandi sikaxakeka. Ulwandle luyabengezela ngaphandle, ilanga lasebusika alikakhuselwa ngamafun kwaye kucace gca ukuba kufuneka ndihambile.

Ndiyatsiba, ndibeke isandla sam emlonyeni ndabaleka .ndaphuma phandle, ngoku ngathi ndiza kugula. Kodwa luloyiko, hayi ukutya, okudubuleka emazantsi ngaphakathi kum, okunika isantya amathanga am, asenamandla asuka ekukhweleni iinciniba. Ungahleka kodwa yinyhani. Ubanemilenze enamadla ebangelwa kukugwencela kweza zilwanyana.

***

Khawusichazele: Wakhe wanayo imvakalelo enje, eyokuba kukho into embi eyenzekayo emntwini omaziyo?