Indoda esele indala inyuka indlela isuka kwisango elikhulu. Uphethe isipha seentyatyambo eziblowu. Ublowu woxolelo, andithi? Ingaba lo ngu-Isaac kaNksz. Kuswane?

Kanye xa kulapho, kufika i-SMS evela kuBontie. Kweli ithuba ayinguwo la mbhalo ungaqhelekanga uyimfihlo onokuqondwa nguye nam kuphela. Hayi, ubhale umyalezo ngesiNgesi esiqhelekileyo, ngokungathi mna naye asisabelani ngeemfihlo.

Ukuchaneka okungako! Besinobusuku bangoLwesihlanu obakhe bamnandi apha ebomini.

URhea noTebogo baye badibana kwangoko.

Ngokungathi benzelwe kunye! Ayigqibelelanga na lo nto?

Ngoku siya ezintabeni. Ndiyacinga ukuba kuza kumangalisa.

I-SMS ivakala ingathi indihlaba entliziyweni. Andizihluphi nokuzihlupha ngokuphendula. Iingcingane ezimbi zizalisa ingqondo yam: Ndinqwenela ukuba imoto yonakale endleleni. Ndinqwenela ukuba iqalise ukunetha.

Kodwa mandiye kwigumbi likaNksz. Kuswane ngoku, nokuba ndiyoyika ukwenza njalo. Ndibeka phantsi ikomityi yam yeti, esele ibanda. Ndiphefumlela ngaphakathi kakhulu, ndizame ukufumana amandla.

“Owu Isaac? Ingaba nguwe ngokwenene lo?”

Ndingaphandle ngaselucangweni, ndiyamva uNksz. Kuswane ngelizwi lakhe elisebezayo. Andifuni kubaphazamisa. Ngenxa yoko ndilinda epasejini ndiphulaphule. Xa kunokwenzeka andidinge. Xa izinto zinokuhamba kakubi.

“Enkosi kakhulu ngokuza sithandwa. Yonke leminyaka mininzi kangaka bendifuna ukukucacisela. Uzandivumela? Ingaba uza kundinika ithuba, nyana wam oyintanda.?”

Unyana wakhe? Ndothukile. Bendicinga uNksz. Kuswane akanasapho: akanamyeni, akanabantwana.

“Ndandineminyaka elishumi elinesine ngoko, Isaac. Nam ndandingumntwana. Wathi uyandithanda, uza kundikhathalela. Kodwa wathi xa efumanisa ukuba ndikhulelwe, wanyamalala. Kwaye utata wam wayenomsindo kakhulu. Wayengavumi ukuba ndikugcine nangona ndandimcenga kakhulu. Wafumana abantu abaza ku-adoptha, abantu abasuka kwenye idolophu. Ndandiza kuthini Isaac? Ndandingenamali eyeyam. Ndingenamsebenzi. Ndingenayo enye indawo yokuhlala. Kwafuneka ndibayeke bakuhluthe ezingalweni zam. Uyayiqonda loo nto?”

Ngelizwi lakhe elisebezayo, uNksz. Kuswane ubalisa ibali lakhe elibuhlungu lakudala.

Ndiyazibuza ukuba unyana wakhe uziva njani na, esiva ngokuzalwa kwakhe ngale ndlela. Akamphenduli. Kodwa mhlawumbi uyanqwala ephaya kwisitulo esibomvu seendwendwe? Mhlawumbi inokuba ume phaya ecaleni kwebhedi yakhe, ebambe isandla sakhe ngeli xesha athethayo? Ukusuka kwindawo endikuyo ngaphandle emnyango, andiboni ngaphakathi. Ndiyanqwena nje ngentliziyo yam yonke.

“Kodwa nyana wam, ndandikucinga ngalo lonke ixesha mihla yonke ukusukela ngokuya. Ndandikuthanda ngalo lonke ixesha. Ndandikuthandazela rhoqo ebusuku. Ndandikhanyisa amakhandlela ngosuku lwakho lokuzalwa rhoqo ngonyaka. Ungandixolela Isaac? Ungandixolela ngokuvumela ukuba uhambe? Ndiyakucela? Kuba lo mthwalo wokubanetyala mbi kakhulu ukuba ndingawunyamezela.”

Angamxolela? Kukho iinyembezi eziqengqeleka ebusweni bam. Ndiyasokola ukuphulaphula. Kodwa andikwazi kuva impendulo ka-Isaac.

Kutheni engathethi nto nje? Ngokuqinisekileyo emveni kwalo lonke elixesha, angamxelela? Ngokuqinisekileyo angaqonda ukuba yayingelo tyala lakhe? Wayengenayo enye indlela?

Ixhala lindifumene ngamandla ngoku. Ndingena egumbini likaNksz. Kuswane.

Uyame ngomqolo emqamelweni wakhe, amehlo akhe avaliwe. Kodwa ngolona ncumo lunovuyo ebusweni bakhe. Kwaye uyasebeza, “Owu Isaac, ndiyabulela. Owu nyana wam! Uxolelo lwakho luthetha lukhulu kum. Ndingajongana nokufa kwam ngoxolo ngoku.”

Ndijonga ngakwisitulo esibomvu. Kodwa isitulo esibomvu asinamntu! Akukho mntu phaya.

***

Khawusichazele ukuba ucinga ntoni: Kuqhubeka ntoni? Kutheni isitulo esibomvu singenamntu nje?