Ngentseni yangoMgqibelo wagoduka waya kumama wakhe eGugulethu esiya kumchazela iindaba ezimnandi. Wayezidla kwaye enamabhongo ke unina kuba wayekholiwe naye nguSiyamthanda kwaye ekugqibeleni unyana wakhe wayeza kutshata. Abantu babesele bethetha ngaye besithi mhlawumbi akawathandi amantombazana, kwa noSiya lo wakhe sisihlobo nje qha. UNobantu wayevuyela ukuba unyana wakhe ezakude abavale umlomo, kwaye ezakongeza inani labazukulwana.

Wayiyizela evuya, wade wafowunela izalamane nezihlobo ukubazisa ezi ndaba. Oomalume baqala ukuthetha belungiselela usuku lweengxoxo zelobola kwaye uMalusi kungekho nto anokuyenza ukubanqanda. Yayinguye kuphela  unyana kwelikhaya, nto leyo yayithetha ukukhula kosapho negama lokokwabo xa ethe wazala indlalifa. Wayezilungiselele, esazi ukuba yonke le nto yayilindelekile; akukho mntu ucela umtshato engakhange azilungiselele imali yokulobola.

Washiya umzi kamama wakhe intloko inkenteza, evuyela ukuba iyimpela-veki kwaye ezakuzipholela. .

Kodwa ukufika kwakhe ekhayeni akazange afumane ukuphumla. Igumbi awayehlalisana kulo noSiya laligcwele qhu zizihlobo zikaSiya, bonke besela iwayini bencokola ngamalungiselelo omtshato.

“Malusi, kudala ndatsho ukuba ungowokugcinwa,” kutsho uClaire, umhlobokazi kaSiya, “unyanisekile phofu ukuba awunamntakwenuwenu?” wayemthe chu ngengalo emtsalela kwamanye amantokazi.

“Uhh, hayi… gxeba, ewe ndiqinisekile, kodwa ndinabo abazala,” wadidizela ephendula.

“Ingaba nabo baneliso njengawe? Jonga lomsesana, Nkosi yam!” latsho elinye igqiyazana kodwa uMalusi waye lilibele igama lalo, litsho litsala isandla sikaSiya libuka idayimani kumsesesane wakhe

Ezi ntokazi zahleka zigigitheka zitswina luvuyo. UMalusi wayefuna ukuphuma kule ndlu ngokukhawuleza.

“Nkosi, ndilungxamele usuku lomtshato, kufanele ufumane uGegee ke ibe nguye umlungiseleli kuba uyagqwesa,” wacebisa uClaire.

“Ayisecace, akakho omnye osendeleyo kuye,” bavuma nabanye.

“Khona, nizikhuphela phi kwi-honeymoon? Ndiyathemba niya kwisiqithi esikhethekileyo,” latsho elinye igqiyazana limqobela iliso uSiya. Bonke baphinda bagigitheka yintsini ngenxa yemincili.

UMalusi wancuma, naleyo wayeyilungiselele. Wayejonga-jongile wafumana iindawo ezintlanu ezintle ezivumelana nepokotho yakhe aba bezakukhetha kuzo. Wayenethemba ukuba uSiya wayeza khukholiseka zizo kwaye i-honeymoon yabo yayizakuba lusuku abangazokuze balulibale.

Phambi kokuba awuvule umlomo, waphendula uSiya.

“Sizakukhetha  esinye isiqithi phakathi kweziya zase Maldives  okanye sijikeleze i-Yurophu,” waphendula etsho ngamehlo azele uthando. “Ezo zezona ndawo zifanelekileyo ze-honemoon,”

Zaphambana ezi ntokazi! Yonke lemincili yayimqondisa uMalusi ukuba wenze eyona mpazamo ngokungambuzi uSiya ukuba wayefuna ntoni. Iziqithi zase Maldives okanye iYurophu  zange acinge nokucinga ngazo. UMzantsi Afrika wawumhle kwaye uneendawo ezinizi zokundwendwela. Okanye ke i-iingxangxasi zeVictoria ukuba babefuna ukuphuma kancinci. Kodwa le yayiza kumxathula ipokotho.

Waziva eshushu efuna ukubethwa ngumoya msinyane, phambi kokuba uSiya aqonde ukuba kunga ngabikho kwa-honeymoon leyo, yeka ke ngesiqithi esikhethekileyo.

“Ma-lady, bendize nje ukuza kukroba isithandwa sam, kodwa kufanele ndibaleke ndinishiye…namalungiselelo enu,”

Bavuya bagigitheka, besenzela  ukuba uSiya noMalusi bancume. UMalusi wamncamisa wabaleka ukuya emnyango.

Emotweni wabhalela ugxa wakhe u-Anda umyalezo.

Mntakwethu, uphi?

e-Corner House, mfe’thu. Yiza.

U-Anda wayehlala eKhayelitsha, uMalusi wayethekelela ukuba ubukele ibhola namajita, besela besoja inyama. Wayedinga ukuphumla uMalusi ukuze aphumze ingqondo.

Wayevuya ukudibana kwakhe nomhlobo wakhe. Kodwa kuthe kwakuphela umdlalo baqala ukuncokola, izibilini zakhe zaphinda zenyuka.

“Awe mfe’thu, ngoku uphumile ebaleni?” wabuza u-Anda emtsala ngengalo.

“Anda, kudala ndaphuma ebaleni, yiminyaka mithathu ngoku,” wancuma uMalusi.

“Ucinga yinto omawuyivuyele leyo?” wabuza ehleka, “Yenza kaloku, usishiyela  ntoni thina ukuba siyitye ntwana?” wabuza amehlo akhe elandela intombi eyayisiya ebharini.

“Utsho nje, uNtombi uza kukukhuphisa ilobola kungekudala,”

“Ubani, mna? Unotshe! Khawuzijonge, awukatshati kodwa sowucinga ngokuzixhoma,”

U-Anda lo wayengaphoswa nto. Kwaye uMalusi walibona ilithuba elihle eli lokuphalaza imbilini yakhe, kodwa oku kungatsho ukuba u-Anda wayezakumcebisa nto ibhekelephi.

“Kanti wena ubucinga ntoni ukuthandana no-level 5?” lombuzo wamothusa uMalusi. “Nyani, lantombazana ikusukele nje,  nawe waya kuzifaka. Ngoku uyakhala ngenxa yokuba awukwazi ukumnika ubomi abuqhelileyo?”

U-Anda wayenyanisile. USiya wayekude lee kwinqanaba likaMalusi, kodwa wayekhethe ukuthandana naye  nangona wayesuka kwikhaya elingenamali njenga kuloSiya. Loo nto yayibonisa ukuba uyamthanda kwaye wayezimisele ukuchitha ubomi bakhe bonke naye, noko oko kwakonele.

***

Sixelele: Ucinga ukuba abantu abasuka kumacala ohlukeneyo obutyebi bayakwazi ukuthandana? Ukuba  uthi ‘ewe’, qhabalaka usichazele izizathu: