UMalusi wazicenga ukuphakama, izandla zakhe zimanzi kukubila kwaye nentliziyo yakhe ingongoza okwegubu. Wayengazazi ukuba uza kuthini nangona wayezilungiselele. Kumthathe iiveki ezimbini ukubhala intetho yakhe , kodwa ngoku uSiyamthanda ehleli phambi kwakhe, amagama akhe akhethwe ngocoselelo ayebambeke esifubeni.

USiyamthanda waye wamncumela, oku kwenza ukuba kubenzima mpela ukuthetha. Wayemhle ke tana kwaye mihla le uMalusi wayezibuza ukuba umkhethe nganina.

“Sana uziva kamnandi?” wabuza uSiyamthanda, uncumo lwakhe luphela.

“Ndi…ewe. Ndidinga indlu yangasese. watsho ebaleka eshiya uSiya etafileni ematshekile.

Kwindlu yangasese wakhupha iphetshana lakhe epokothweni yebhatyi waza walifunda kwakhona. Intetho yakhe yayilungile, kodwa wayengakwazi ukuwathetha onke loo magama. Wayelinde iminyaka emithathu yonke ukuba kude kufike elithuba, ukusukela laa mini wayeqala ukumbona kwitheko leKrisimesi ekhaphe umhlobo wakhe.

Mhla badibana uMalusi wamgila uSiya wamchithela ngesiselo esamosha ilokhwe yakhe entle emthubi. Waye wafa ziintloni. Kodwa uSiya wasuka wahleka, eyenza into yokuhlekisa yonke lento. Waze wamncumela ngoncumo olumisa iimoto endleleni, embulela ngokumnika isizathu sokugoduka ashiye itheko elo.

UMalusi  wayengafuni ukumyeka ahambe uSiya, wamcenga ukuba amnike ithuba lokuya kuhlambisa ilokhwe yakhe. Yenye into eyamhlekisayo uSiya, de baphela bencokola. Bancokola ngako konke okuphantsi kwelanga; ukusukela kwipolitiki ukuya kwezemidlalo; iincwadi abazithandayo kwakunye neefilimu ezigqwesayo.

USiyamthanda wayemhle ngaphakathi nangaphandle. UMalusi watheyithanda ingqondo yakhe, uhlobo aweyethetha ngalo ngezinto azithandayo lwalubonisa ukuba ungumntu onentliziyo, umntu okhathalayo. Wayesazi lukhulu ngeendawo nabantu bazo, ingakumbi ngokutya okutyiwa kumazwe angaphandle.

Ngaloo mizuzwana, phambi kokuba amnike ikhadi elinenkcukacha zakhe engxamile uMalusi wayesele esazi nto awayeyiva ngalo mzuzu – ukuba uSiya wayenguNdofa naye wakhe.

Ekuhambeni kwexesha waye weva ukuba uSiya lo ngubani kwaye utata wakhe ngubani, waziva ezidelela ecinga ukuba  akasoze amthathele ntweni. Intombi yomphathiswa ibingasokuze ithandane negqwetha  elinguye. UMalusi wayephangelela urhulumente kwaye engarholi mvuzo utheni. Kodwa ngabusukwazana buthile waqweba isibindi wamfowunela. Emva koloo suku lokuqala bekhuphene, uMalusi wayesazi ukuba uzakumenza umfazi wakhe uSiya.

Ngoku olusuku lwalufikile kodwa naku yena omelwe ngamathe emqaleni. Wahlamba izandla zakhe wabuyela etafileni kuSiya. Engathanga sebe-sebenelinye, waguqa ngedolo.

“Ungoyena, kwaye ubusoloko  ungoyena,” ilizwi lakhe langcangcazela. “Ndayazi ukusukela  ngolwaa suku siqala ukudibana, kwaye ndiyayiva ngamandla ngoku,” waginya amathe ngamandla.

Abanye abantu Kwindawo yokutyela  baye baqala ukubaqwalasela, bade bajika bajonga kwitafile yabo. Le nto  yayingamncedi tu uMalusi. Kwakumele ukuba akayenzanga apha le nto, ngewayelinde de babe bodwa kodwa ngoku kwakungekho kujika.

“Siyamthanda, ndicela ukuba sitshate.”wade wathethaekhetha ukuyeka yonke  intetho yakhe.

“Ewe Ewe! Ewe!” Wavuma ngovuyokazi enqwala nangentloko, amacici akhe ejinga okwezibane zegilasi ezindlebeni.

Wawufaka emnweni umsesane ngezandla ezingcangcazelayo. Amadolo ayegevezela exakwe kukuphakama.

“Uthathe ixesha lakho,” uSiyamthanda wagoba wamphuza, ngelixa ababukeli beqhwaba izandla.

***

Sixelele: Ungathanda kube njani okanye ubephi  xa ucelwa umtshato?