UJohan waqwalasela kuNinja waza waphawula nto emehlweni akhe, yayikukuzingca. Wayenze into elungileyo ekugqibeleni, kwaye notata wakhe waphuma apho etshaya, noxa yena wayesentolongweni. UJohan wacinga ukuba kazi uNinja ubona ntoni yena kwawakhe amehlo: ingaba yayi yilahleko yamaphupha akhe angafezekiswanga?

Leza igosa le ntolongo laxelela uJohan ukuba baselelwe yimizuzu engamashumi amabini kuphela kunye nebanjwa. Wanqwala intloko uJohan waza waguqukela kuNinja.

“Phambi kokuba ugqibe ibali lakho ndifuna ukukuxelela ukuba mna ndingakwicala lakho. Ndiza kuqinisekisa ukuba abahleli bamaphepha ndaba abalityabeki kakubi igama lakho baze bagqwethe amazwi akho. Ndiza kulinika umntu endimthembileyo. Liza kuphuma kwiphepha langomso le Ghetto Report kwaye wonke umntu uza kulazi ibali lakho lenene, eli undixelele lona namhlanje.”

“Undikhuthazile, Ninja. Ukuba mandiqhubekeke nobomi bam. Ukuba ndenze eyona nto ndifuna ukuyenza kodwa endingazange ndibe nesibindi sokuyenza. Ndiyabulela, Ninja okanye ndithini, ndithi Adam Smith?”

UNinja wajonga kuJohan umzuzwana, emjonga ukusuka entloko ukuya eluzwaneni. Le ndoda ibithembekile, wayiva loo nto entliziyweni yakhe. Wasondela kancinci waza wadibanisa inqindi lakhe kweli kaJohan.

“Kumele ukuba ubulele utata wam. Nguye owandikhulisayo. Kumele uye kuye umxelele ngokwakho ube uphethe iphepha ndaba elinenqaku lakho esandleni kwaye umyeke alifunde apha phambi kwakho. Ukuthanda gqitha ukufunda iphephandaba; ngokuya ndisakhula ndandidla ngokumbukela efunda iphephandaba lonke ixesha. Sisakhono esi awasithatha kumama wakhe, ufunda iphepha lonke ixesha…” Wazihleka ezinkumbulo.  ezi nkumbulo.

UNinja noJohan babe ngasengonondaba nebanjwa nje kuphela. UJohan wayebone umphefumlo kaNinja kwaye weva ukuba noNinja uwubonile owakhe naye. UJohan waye engumntu wokuqala ukuthenjwa nguNinja aze amxelele lonke ibali lakhe, kwaye uJohan wazixelela ukuba akasoze akuphelise oku kuthenjwa.

“Uyazi ukuba emveni kokuba utata wam ekhululwe weza kundibona amaxesha amathandathu, kodwa amathathu apho wayengavumelekanga ukuba andibone kuba ndandikwintolongo yabagcinwa bodwa?”

“Ingaba ikhona into endingayenza?”

“Lixele ibali lam, mf’ethu, ulichaze nje kakuhle, lichaze ibali lam kwabaya bafana baseMrova ukuze bafunde kwiimpazamo zam; alikapheli ixesha kubo, kwaye ndifuna ukukholelwa ukuba nakum alikapheli ixesha, lixesha lokuba ndityhile ikhasi elitsha.”

Kwabakho umntu onkqonkqozayo emnyango. Igosa lentolongo leza lihamba namagosa amathathu aza amabini kuwo atsalela uNinja ngaphandle. UNinja wema emnyango kanye ecaleni likaJohan phambi kokuba bahambe.

“Enkosi mf’ethu.”

Wolula isandla sakhe ukuze amxhawule uJohan, kodwa uJohan wasibetha eso sandla. Wasuka wamwola esebeza, “Ninja, Adam Smith uziphathe kakuhle mfowethu, ndiyakucela.”

Kusuku olulandelayo xa uNinja evela kuzilolonga esiseleni sakhe, wafumana iphephandaba lisongiwe phezu kwebhedi yakhe. Yayiliphephandaba i-Ghetto Report. Isihloko apho sasibhalwe ngamagama angqingqwa:

Inyaniso Yonke: Isigwebo sobomi asinakho ukumnqanda lo unyana ukuba angenzi okulungileyo ngotata wakhe.

Ngu Johan de Kok

Xa uNinja evula iphephandaba isibhilivana sephetshana sawa phantsi. Wabona kwangoko ukuba sisandla sikayise ebesibhala apho. Wawafunda la magama emana ewaphinda phinda: Andisokuze ndinikezele ngawe.

Khawusixelele: Ingaba wena, okanye omnye umntu omaziyo wakha wafumana ithuba lokuba aqale ubomi obutsha?