Ngo2002 umbutho wezizwe ezimanyeneyo kwiCandelo elijongene nemfundo, ezenzululwazi kwakunye nezamasiko (UNESCO) lalumkisa ukuba malunga neelwimi ezingamawaka amathathu zisemngciphekweni wokuphela nya. Yayisisiqingatha senani elikhoyo elo elizweni ngeliya xesha. Kukholeleka ukuba kwilizwe lethu lase Afrika sele kulahleke iilwimi ezingamashumi amahlanu anesibini. Ezinye zezo lwimi zase Afrika ezithe zaphela ziquka isiHoro saseChad, isiVandalic sase Tunisia, isiSinga sase Uganda kwakunye nolwimi lwe-IXam laseMzantsi Afrika

Ukuze uziqonde kakuhle iingxaki zam ngoku, kumele umqonde kakuhle utata. Utata ngowakudala, yidayinosa (dinosaur). Hayi idayinosa nje, kodwa le kuthiwa yi-T-Rex. Noko nokuba sekuthiwa akaphilanga akuthethwa le. Amaqela athile ezopolitiko ebeza kumcela ukuba awakhankasele. Ingaba kwezo kubangwa komhlaba? Akukho ngxaki. Biza nje –iT-Rex yethu ivele, ijikeleze ingqishe, igragrame ngamandla, nabantu bangavele bathi, “Kulungile, ningawufumana umhlaba, iinkomo, nayo nayiphina eniyifunayo.” Ingaxaki isombululekile.

Hayi khona, utata wam yidayinosa le izikhokelele ekubeni ziphele nya. Usanamathele kwiindlela zakudala ezingasenantsingiselo kubomi banamhlanje. Usoloko esithi“kwathi,kwathi, kwathi,” ngokubaluleka kweelwimi kwakunye nembali yase Afrika, nangokubaluleka kokwenza izinto ngendlela elungileyo.

Uyabona ke, utata ke ngokomsebenzi ulungisa imibhobho yamanzi, ungumtywini (plumber), kwaye ngumphathi eshishinini lakhe. Kwaye wasoloko exelela wonke umntu amqeshayo ukuba, “Abantu bathembele kuthi ukuba silungise iingxaki zabo, nokuthi senze izinto ngendlela elungileyo.”

Kuyinene ke kodwa oko. Andiphikisani nawo lowo umbono. Akukho mntu- ndithi akakho- oza konwaba, masithi ukuba ikhe yenzeka le nto. Baqesha umlungisi wemibhobho yamanzi ukuba alungise indlu yabo yangasese, baze bathi besakumka, ithoyilethi yabo isale ikhupha amanzi kakuhle, ze ithoyilethi yabo esebenza kakuhle, kodwa igqongo elihambisa ilindle lizale zizinto ezonyanyekayo livele likhukhumale lize phezulu ngalo lonke ixesha ugungxula.  (Ibali eliyinene lokungalungiseki kwamanzi ngendlela eyiyo. Yenye yeempazamo eziye zenzeka le ze utata wabizelwe ukulungisa imibhobho yamanzi ngempazamo eyenziwe ngomnye umntu.)

Umsebenzi kamama kukujonga ukuba izinto zenzeke ngendlela elungileyo na. Nguye ongumphathi wezolungelelwano kwinkampani enkulu. (HR) Nguye ongumnxibelelanisi phakathi kwenkampani kunye nabasebenzi. Nguye oqinisekisa ukuba inkampani ilandela imiyalelo yesizwe ethe ngqo ngokuphathelene nezabasebenzi kwaye nguye oqinisekisa ukuba abasebenzi bayaziqonda kakuhle iipolisi nemithetho yenkampani. Uyabona ke?

Oko akuthethi ukuba abanye abantu bangancedeka.  Nguye oqinisekisa ukuba xa uzixakekisa ngokubuka imifanekiso yabantu abaze kwiikhompuyutha zomsebenzi ungaphela usohlwaywa okanye ugxothwe. Kodwa ke qho ngonyaka-ndithetha qho. Ngonyaka-kubakho umfo omnye (okanye inenekazi) ophela ezibhaqa esengxakini ephelelwe ngumsebenzi. Konke oko kubangelwa nje kukuba bengakwazanga ukusebenza iiyure ezisibhozo bengakhange bajonge imifanekiso yabantu abahamba ze.

Kodwa ndiyayiqonda imithetho, kwaye kumele ibekho, kwaye isebenze. Kodwa khawundixelele, ingaba ungakhetha ukuthi, ‘twenti-wani okanye amashumi amabini ananye”?

Kodwa njalo xa ndisenza oko, uTata uthi, “Apha kule ndlu, sithetha isiXhosa kuphela. Asiboleki magama kwisiNgesi xa ekhona awesiXhosa.”

Phofu mhlawumbi nokuba akatsho nqo, kuba ke ndikubalisela eli bali ngesiLungu. Uyayiqonda mos, kaloku isiNgesi lulwimi lwezo msebenzi kwihlabathi jikelele. Lulo kanye oludibanisa ihlabathi lonke. Ulwimi olukuvulela iingcango kwaye likunike amandla. Nditsho nje, khangela izinto eziqinisekisiweyo. Ngo-2011 ngexesha kusenziwa ubalo lwabantu eMzantsi Afrika, yayingabantu abazizigidi ezingama 8,2 abathetha isiXhosa njengolwimi lwasekhaya. Kuqikelelwa ukuba zizigidi ezilishumi elinesithoba, zabantu abathetha isiXhosa kwilizwe lethu nhlabathi jikelele. Thelekisa loo nto ke kunye nebhiliyoni enye enesiqingatha ethetha isiNgesi kwihlabathi lonke.

Ewe, kulungile, mandivume: elinani lesiNgesi liqukwe apha lidibanisa nabantu abangathethi ulwimi lwesiNgesi njengolwimi lwasekhaya. Kodwa ke ingaba uza kuzama ukuthelekisa isigidi kwakunye nezigidi zezigidi? Ndizama ukuthi…uyayiqonda mos ukuba ibhiliyoni zizigidi ngezigidi, andithi?”

Hayi!

Mandicacise lento apha, asikuko nokuba ndiyala ukuthetha isiXhosa ekhaya. Ndiyasithanda ngenene. Yimbali yam, yinkcubeko yam, kwaye, xa ndithetha inyani, isiXhosa simnandi xa usimamele kunesiNgesi. Kodwa le yokuba uTata asuke abe nomsindo xa ndisebenzisa amagama ambalwa esiNgesi ekhaya, njengamanani, lubaxo nje. UT-Rex makaphole kancinci. Akhona nje amagama esiNgesi awonga ixesha. Leyo into iyavakala.

Ngaphandle ke kokuba unguTata nawe, othi asingonobangela lowo.

Ngoku undishiyele umsebenzi omninzi wasekhaya ngenxa yokungavumelani naye. Ungayikholelwa loo nto?

***

Khawusixelele: Ingaba ucinga ukuba utata kaMavi uyayibaxa xa efuna ukuba kuthethwe isiXhosa oko apha endlini? Ingaba kufuneka ‘aphole’ kancinci?