Imini elandelayo yafika kwaye ndiziva ndonwabile. Ndakhetha ihempe yam embala uluhlaza kuba ndiyakhumbula ndisiva uLilly esithi ngumbala awuthandayo lowo. Ndikhumbula nephupha lam endaliphupha ngenye imini andisakwazi nokulinda ukuba lide lizaliseke. Ndiza kudanisa noLilly.

Umsebenzi awuzange uhambe kade njengale mini; nexesha laba ngathi lime ngxi alihambi. Ekugqibeleni yade yabetha intsimbi yesihlanu ndaza ndojongisa imibombo ethekweni.

Kubonakala ngathi abantu bawushiye umsebenzi phambi kwexesha, kuba itheko besele liqalisa. Andimboni uLilly apha, kodwa nguye isithethi sembeko ngoko ke uzakungena ngesidima nesithozela.

Ndambona uPat esiza ngakum. Saqala sancokola nje. Wandibuza ngala ngxaki bendinayo malunga noDave, andamxelela ke ukuba le ntombi nguLilly okanye ndaba ligwala ukuba ndimbuze uDave. Ndasuka ndathi yonke into ilungisekile.

Ekugqibeleni uLilly wangena ngaphakathi. Ndeva ngokusebeza kwabantu bencoma. Ndamjonga ndakhamisa, ndade ndavuza izinkcwe. Wayengemhle wayegqibile.

Wakwamkela ngobubele ukunconywa ngabantu, wabe encokola kamnandi nabo. Ngoku wayeqalisa ukuza kweli cala lam, ndakhawuleza ndabila xhopho.

“Phefumla nje wena,” Ndeva ngoPat sele esitsho. Mhlawumbi wakuqwalasela ukutshintsha kolusu lwam.

“Tumie, awusemhle,” watsho endiwola.

Ndabambelela ithutyana elingaphezulu kunokuba bekumele. Wayenevumba lentyatyambo enqabileyo, ndasuka ndathwetyulelwa kwelinye ilizwe.

UPat wathinta isikhohlela waza wazisusa kum yena. “Hi Pat,” watsho waza wambamba ngesandla. Ndicinga ukuba uyabengezela luvuyo.

Baqalisa ukuncokola, kodwa ndisaphazamisekile, andiyazi neyona nto bancokola ngayo. Yenzeka njani into yokuba intombi entle njengoLilly lo ibambe incoko nezibhanxa ezifana no Pat kunye nam?

Bahleka ndahle ndaqonda ukuba kuthethwa ngam. Ndancuma. Andinalo nofifi ngento abayithethayo.

Akubanga kudala emva koko uLilly wasuswa waba kude kum. Kwakhe kwathi huuu, ndaphefumla kancinci, ndixolile kuba ukungcungcuthekiswa kwam okumnandi kwakuphelile, ngethemba lokuba ndiza kumbona kwakhona ndidanise kunye naye.

“Kumele umxelele ukuba uziva njani ngaphambi kokuba asuswe kuwe,” watsho uPat.

Ingaba icace olohlobo nale nto?

“Akakho kudidi lwam,” ndatsho ndiziva ndoyisiwe.

“Awuziniki thuba laneleyo wena Tumiso. Uyathandeka kanye njengaye la mzala wakho usisidenge. Ngaphezu koko, wena unengqondo.”

Kuvakala kamnandi ukuxelelwa ezi zinto ngumphathi wam, kodwa azinantsingiselo yanto. Kuba azizikundinceda kuLilly.

“Ngaphezu koko, uyazifela ngawe,” uPat watsho esimka ebheka phaya.

 ***

Umbuzo: Ucinga ukuba uLilly uyamthanda uTumie?