UDave unobubele, ulungile, undwebile, uthanda ukudlala kwaye unothando. Ukwayiyo nendoda emamelisisayo. Kwaye-okona kubalulekileyo-uyakwazi ukulenza inenekazi lizive ngathi lilo lodwa…Uyijonga nje intombazana ivele izobozeke luthando. (Ndikhe ndayibona isenzeka le nto amaxesha amaninzi) Uyakwazi ukuyikhulula impahla nje ngomjezulo omnye, abe engayekanga ukubamba ucwangco lokuba linene. Ngawona mandla akhe ke la.

Yena yile nto kuthiwa kukuwelwa ngumqa esandleni

Ndeva kusitshiwo nam.

UDave uthandana neentombi ezintlanu ngexesha. Kwaye ntombi nganye ingaba kunye naye nje isithuba senyanga ezintathu, elona xesha lide. Elona xesha lide awayekhe wabe seluthandweni nentombi enye yayiziinyanga ezintathu, iiveki ezimbini kwakunye neeyure ezinzima ezilishumi elinambini. Kwakuse sikolweni semfundo ephakamileyo apho, apho waqala khona ukuthandana. Ukholelwa kwinto yokuba isihlanu noko linani onokumelana nalo, ngoko usoloko egcina isihlanu okanye ngaphantsana kunoko. Ungulo mfana wonke umntu afuna ukuba naye.

Sihlobene, kodwa mna akukho nentwana efana noDave. Ndingula mfanyana ungabalulekanga owasoloko ehlala kwicala lomkhweli emotweni yakhe aze ambukele xa umhlobo wakhe esebenzisa le moto ukutsala amantombazana. Ndim kanye osoloko ephula phula amaqhinga namacebo kaDave. Iba ndim kanye obangumthunywa xa uDave efuna isandla sesibini ukuya kumbambela intaka emshiyayo. Ndim kanye owasoloko efowunelwa ngamantombazana endibuza ukuba uye kutshona ngaphi uDave?

Kwekh, ndim kanye ohlalele ukuphula phula amantombazana anento yonke, amahle ekhalaza ngoDave, ezama ukuqonda unobangela wokuba abe akasafunwa. Mna ndinguTumiso okanye uTumie ke xa lishunqulwa: Umzala ongacacanga.

Awunakuze undiqaphele nokundiqaphela xa undibona ndihamba phaya esitalatweni. Andibonakali ndinabunganga, ndisisishunqwana nje. Ndifana noDavid Urkel xa engenawo lamazinyo akhe ngathi ngawomvundla. Andiyixabisanga kuyaphi indlela endijongeka ngayo, iinwele zam okanye ukwakheka kwam. Ukuba nje ndicocekile, kugqityiwe kum.

Ndichitha ixesha lam ndisebenza okanye ndidlala imidlalo yevidiyo. Ndisebenza kwicala lezonxibelelwano nobuxhakaxhaka beteknoloji kwindawana encinci esebenza ngeminxeba yokunxibelelana kwaye nangayo nantonina enokwenza neekhompuyutha. Ndiyawuthanda umsebenzi wam kwaye ndonwabile kobu bomi bam bungenabuqheleqhele banto njengokuba bunjalo.

Kodwa oko kwakuphambi kokuba afike ebomini bam: ULilly wam omhle, okrelekrele kwaye olincoko. Ndiyambukela yonke imihla, xa ephunga ikofu yakhe kusasa kwindawo ethengisa ikofu ngasemsebenzini. Le yeyona mizuzu ndiyiphilelayo.

Ndivuka kusasa ndilangazelela ngamandla ukubona loo milebe yakhe ibomvu okwequnube xa incamisa ikomityi yakhe yekofu eshushu. Ndihlalela kude kwaye engqondweni yam ndizifanise nala komityi. Ndiyafa ngumona yila mafini yenziwe ngamaqunube, ethi ibenenyhweba yokuphululwa yiminwe yakhe ethambileyo…

Ndiyakuthanda ukubukela uLilly; kuphela kwento endinokuyenza. Inyani mayithethwe, ndiphelele apha ukusondela kufutshane naye. Ungumntu wam oyimfihlo. AndingoDave mna, ngoko into engafana ndiyenze kukubukela nje kuphelele apho. Yena ulihlebo lam elincinci.

Ndinomona bubugagu bukaDave ndide ndiphele ndimcaphukela ngenxa yaloo nto. La mfo lowa unamabhongo namatshamba angaphezulu nakwistediyam saseSalt Lake. Kuphela kwento athetha ngayo kukusoloko ezigwagwisa edlisela nangentombazana entsha ayifumeneyo. Kwaye akanalo ixesha akhe aphumle ngalo, ndikholelwe xa ndisitsho, ndiyiphandile loo nto. Phofu oko akothusi kuyaphi, usebenzela ezentengiso nemiboniso kwakule ndawo nam ndisebenza kuyo.

Sakuthi sihleli kunye kwindawo yokutyela suke yena, njengesiqhelo, abenento aqhayisa ngayo.

Ndiye ndizame kangangoko ukugxila kule nto athetha ngayo, kodwa andikwazi ukuwasusa amehlo am phaya kuLilly. Mhle kakhulu. Qho kusasa uya endaweni yokuzilolonga umzimba phambi kokuba aqalise imini yakhe. Andazi kutheni ezixhinkxa ngokuzilolonga nje kuba ujongeka egqibelele kakade.

Uma ngasekhawuntareni, ekhetha iqebengwana le mafini yakhe lo gama encokola nabasebenzi. Unobubele kakhulu kwaye uncokola nomntu wonke. Ukuba nje angakhe andiqwalasele nam, akhe ajonge kweli cala ndikulo. Kodwa akazi nokuba ndiyaphila.

***

Umbuzo: Ingaba ucinga ukuba uTumie uyalalela?