USibu

Ukubetha uDavid entweni, nokuba yintoni na, yayindenza kuthi nco entliziyweni, kwakunditsho ndingakwazi nokukholelwa ukuba ndimbethile. Imithambo yoluvo yam yayitsiba-tsiba lulonwabo njengeengcingwana ezikwibhetri yemoto xa imoto ibimile ingafuni kuhamba izanywa ukuba mayidume ukuza ihambe. Kukwanjalo, ndiye ndimthanda ngokumthanda, olu thando lusenziwa yinto yokuba undenza ukuba ndizityhale ndenze izinto ezingezizo ezesiqhelo, izinto ebendinokucinga ukuba zingaphezu kwamandla am. Ndaye ndaboleka kuye ukuba ndibe nenkalipho engaphaya kokuqonda kuba ngamanye amaxesha uba ngathi uyaqhula kanti kolo qhulo kulele amacebiso nobulumko.

We were in Grade11 Xa sasikwibakala le11, uDavid wayeseyilanto ebizwa ngokuba yi-stellar eqaqamba nangaphezu kwenkwenkwezi, nto le endandiyibona ibhabha apha phezu kwam. Wayesele edlala kwibhola yombhoxo (rugby) yeedyunivesithi. Wayedlalela iDyunivesithi yasePitoli, qela elo elibizwa ngokuba yiTukkies kwaye kubonakala ukuba uza kuba ngomnye wabadlali abaphambili beli lizwe balo mdlalo wombhoxo kwaye uza kufakwa kubadlali abahlawulwayo (professional).

Kodwa ke kwelinye icala, kule minyaka idlulileyo nam ndiye ndazenzela igama ndanodumo kwicala lezifundo, nditshisa bhee ndifumana amabhaso akwizikhundla eziphezulu unyaka nonyaka, ndikwamela ilizwe lethu kwii-Olympic zeMathemathika eBeijing. Sabamba indawo yesithathu sibethwe yiChina neRussia. Kusenjalo, ndandiziva ngathi ndisatsala emva kukaDavid  xa kuthethwa ngeenkwenkwezi eziqhakrazayo.

Abalinganiswa ababini abahlukileyo ngobuntu babo, kodwa basondelelene, kananjalo bakwahlukene njengezilwandle ezingasoze zidibane, omnye unjengetyiwa kodwa omnye uhluke mpela unjenge alkali …

Ewe sasivana kakhulu kwaye abantu babenomona onga ingangabo oko kudibana kwababini abahluke mpela.

Kwibakala le-12. Saqubulisana kukhetho lwenkokheli yodumo eza kumela abafundi. Yaba lungquzulwano olungenazazo iindawo zokubambelela ke phofu, apho elowo uza kuzibonela.

Yayiyimini epholileyo, impepho yayibetha kamnandi kwabo babedibene kwiholo lesikolo lokudlala iidrafti. Apha emoyeni kwakuvakala ngathi kukho into embi eza kwenzeka kwaye indibano le yayifana nezo apho kudala eRome kwakudityanwa nokuba kuse-cinema okanye ebaleni lokudlala, apho iingqwayi-ngqwayi zithi gqa amehlo, zilindele ukukhiqwa kosaziwayo esihlalweni eza kuziva ngathi unqunyulwe intloko.

Emva kweeveki ezininzi zokukhankasela ukhetho, kwasala mna noDavid kuphela. Kanye ngaloo mini, amehlo ayethe ntsho kuthi. Ekugqibeleni, umphathi wempikiswano wathi: “Amazwi enu okugqibela umntu into acinga ukuba uza nayo etafileni ukuphuhlisa esi sikolo, abaphetheyo (governing body), kwanabafundimakayishwankathele. Imizuzu mithathu kuphela. Ndicela kuqale wena Sibusiso.”

Njengoko nabani na esazi ukuba mna umthetho wam, andinguye nje umntu wezihlwele, ndandivuza amanzi kukubila ndisoyika, intliziyo yam yayibetha ngeyona ndlela, ndandingongoza uvalo lubethat kabubhlungu kolo donga lweso sifutyana sam. Ulwimi lwam lwazama ukuqengqeleka kodwa lwavela lwaxakeka, lwavela lwajijeka: “Eee … eee … ndiza … ndimele ndi …”

Ngeli lixa ndandisitsho into engavakaliyo kwavakala ukumbombozela okwakubangelwa kukunganeliseki kwabaphulaphuli, de ndakwazi ukuba nditsho into evakalayo:

“Owu, ewe, mna, Sibusiso Mkhwanazi, ndizimisele ukuba ndiqinisekise ukuba iimfuno zabafundi ziya phunyezwa, kwaye abafundi bayaneliseka ngokwenene zezo ziphumezo. Ndithembisa ukuba ndiya kubeka kumanqwanqwa aphezulu imigaqo yesi sikolo ukwenzela ukuba sahluke kwaye siqaqambe kunezinye.  Oku kuza kuba yimpumelelo xa kukho uthetha-thethwano phakathi kwawo onke amaqela aquka umphakathi, iqela eliphethe isikolo (governing body) kwanabafundi. Ndiya kuqinisekisa ukuba bayahoywa abanezidingo ezithile kwaye ndiya kubhala imigaqo nkqubo eqhubela phambili ukuba okusingqongileyo kube sempilweni kwaye kulungele ukufunda nokufundisa. Enkosi.”

Kwakuqhwatywa, kwakuyiyizelwa, kwakungqishwa, iholo laba ngunkxwe yingxolo, kodwa konke oko kwakhawuleza kwaphela tu, kwakulindelwe intetho yakhe owayethandwa ngenene.

Engazange aphozise maseko: “mna, David Maatla, ndithembisa ukuba ndiza kubonelela ezo mfuno zesikolo nezasebumelwaneni, nangaphezulu ezabafundi ebesingenakho ukuba lapha ngaphandle kwabo. Yiyo ke le nto ndinithembisa ukuba kuya kubakho iziganeko namatheko angaphezulu koko nikuthenjiswe ngumchasi wam. Ewe, itsho into!”

Abaphulaphuli baxokozela yimivuyo nangakumbi, waza yena wadlulisela umboko kumphathi. Atsho ingoma, amantombazana ze amakhwenkwe alandela ngokuvityozisa amakhwelo nemilozi kwayiloo ntswahla. Yehla ze yaphola emva kwemizuzu emihlanu loo mivuyo ebishushu.

Ke ngoko, ndaba ngusekela wombutho wabafundi wesikolo, ndikwisithunzi sikaDavid kwakhona.

***

Khawukhe usixelele: Ngubani ocinga ukuba wayefanle ukuba abe yintloko yombutho wabafundi wesikolo, ngoba kutheni?