USibu

Kukho abo bafuna ukubahlukanisa kodwa bangoo nca …nokuba ufuna ukubachaza kanjani na, kuza kuba nzima kwabo banengxaki kuba ubuhlobo babo buqine nkqi buliqilimba.

Ndikhumbula ngokucace gca imini esaqala ukudibana ngayo noDavid. Ndandihleli kujingi wetayari lerhabha elimnyama epakini ekufutshane ekhaya. Imilenze yayithene nca, ndijiwuzisa ujingi, ndisiya ngapha nangapha.  Kwakubetha impepho emva kweendlebe nalapha emqolo.

Ndicacingelanga ngequbuliso ndazibona sele ndingqongwe liqela lamakhwenkwe alapha ekuhlaleni endihlasela. Omane la makhwenkwe andingqonga, ndazibona sele ndigutyungelwe zizithunzi zawo kobo buso bam obabuzele luloyiko.

“Uzicingela ukuba ungcono kunathi, andithi, wena mfana wokwenene othembekileyo? Ukuba ungasinika imali engangama R20 singakuyeka uhambe,” watsho uIsrael, inkokheli yabo. Yandixhakamfula apha entanyeni inkokheli leyo, yandikhama kwanobom, ngeli lixa abahlobo bayo bebambe beqinise izandla ezi zam zisiswe apha ngasemva kum zaqiniswa.

“Khanindiyekeni! Ndiyanicela khanindiyekeni, yhini ndiyacela,” Ndatsho kunzima ukuzikhulula.

Hey, iingelosi zihamba-hamba ngaphakathi kwethu baphilayo. Kwathi gqi nje emoyeni umntu omde, owondlekileyo, ndithi isigantsontso sakwanokutsho, kwakukanye kanye ngexexesha ndandizama ukuphefumla kanzima, ndizama ukufumana umoya wokuphefumla

“Myekeni, mbekeni phantsi ngoku. Ndithe myekeni, mbekeni phantsi ngoku!” wakhwaza esitsho umfo wasemzini. Iinjubaqa ezo kancinci, kancinci zandiyekelela de zandiyeka zabuyela umva, yayisele ngathi zizinja ezoyikayo xa sezifake imisila ngaphakathi kwemilenze, kodwa omnye wabo wavela waba ngathi ligade lomkhenkce emelwe yimatha phofu engabuyeli ngamva.

“Israel, kanene awumameli, andithi? Ingaba ufuna ndikutywatyushe kwanobom kwakhona, ufuna ndikubonise amaqhekez’ engqele?”

Yho! UIsrael wavela wandiyeka ngephanyazo, kwabe ke sekushiyeka kubhaleke isandla sakhe apha entanyeni yam.

Ebila ngumsindo odibene noloyiko sesi sehlo, uIsrael wafunga wathi: “Ngenye imini siza kukufumana sikubambe ungalindelanga, le ngxwayi-ngwayi itsho ngobude apha! Unotshe, asikoyiki, ungake ulinge uzintwanise nanini na ucinge ukuba siyakoyika!”

Waye wemka ethe nyoxo kukudana, abalandeli bakhe bamlandela bekweso simo nabo.

“Yhoo ndiyabulela mfondini, enkosi kakhulu, mfondini! Andazi nokuba ndingawubonakalisa njani na umbulelo wam kuwe,”  ndatsho.

“Hayi maarn, asiyonto ingako, akukho ngxaki … Ke mna ndinguDavid. Wena ke, ndiza kuthi ungubani?” Waba sele endixhamla, sekubonakala loo ngalo yakhe ixananaze imithambo ibhekiswe kweso sandal sam, sele ide yangathi ndiphakanyiswa emhlabeni.

“NdinguSibusiso ke mna. Kushunqulelwa kuthiwe Sibu. Enkosi kwakhona, ndiyabulela, David.”

“Ungazihluphi, phola, mjida. Into nje kukuba funeka amehlo wakho athi gqa usoloko ujonge nangasemva xa uhamba kwezi zitalato zalapha eKempton Park.”

Kwathi nje ngeli xesha ehamba endishiya, ndabe ndisazi ndingafuniseli ukuba ndingathanda ukuba ngumhlobo wakhe, nam ndibe njengaye: ndibunguzelelwe, ndoyikwe, kwaye ndihlonitshwe. Kodwa ndandinomona womnqweno ukuba ndibe njengaye. Phaya kanye ngaphakathi kum esiswini kwakungathi kubila into engamanzi enokuthi yakuphuma ngaphandle kutsho isandi esikhulu sento enamandla egqabhukileyo ngumona.

Ndandisand’ ukutshintsha indawo yokuhlala, ndisuka eKapa ndiye kuhlala eEdleen, eKempton Park, kwaye ndandingekabi naye umhlobo wenene, de kwathigqi uDavid. Saqalisa ukuhlobana, bakhula ubuhlobo bethu baqina nkqi baba luqilimba ngokokuhamba kweminyaka.

KwiBakala lesi 7, e-Edleen Primary School, ngexesha lezifundo zokuqinisa umzimba (Physical Education) sasiye kwibala lokudlala lasesekuhlaleni: kwakulapho ndaqala ukubona indlela umzimba wakhe owakheke kwaye onamandla ngawo, ndabona indlela aneetalente ezinzinzi ngakhona. Iiklasi ngeeklasi zazidibene, Iintlobo ngeentlobo zemidlalo zaziza kudlalwa zinabantu ababeza kuzibonakalisa. Kolo landelwano lweziganeko zemidlalo, malunga zonke zazimelwe nguDavid. Wayeqaqambile eyinkwenkwezi ebumnyameni kuloo midlalo, ke thina sikunye namantombazana sasimvuyela kuloo mpumelelo yakhe.

Xa kwakubalekwa ikhulu (100) leemitha, nam ndandikwelo qela labantu abasibhizo elaliza kubaleka naye. Kwathi kusiyiwa emnatheni, wabe sele ngathi usivuthelele phaya kude saba ngathi ke thina simke nomoya. Ndaba ngowesixhenxe emnatheni kwelo qela.

Izihlwele zababukeli zazikhwaza igama lakhe, zigcwele ulonwabo. Imbonakalo yakhe enomtsalane yayinomtsalane wendalo kumantombazana, ayemnqula ngathi ziiplanethi nje ezihlala zijikeleza ilanga.

Ndandiphefumlela phezulu, imiphunga yam yayingathi iza kundikhanyela iyeke ukwenza imisebenzi yayo ivele inikezele. ‘Kwakungekho themba ngakum, ndandingenaxabiso …’ Ndandizohlwaya mna ngokokwam ngezo ngcinga ezazigcwalise ingqondo yam.

Ayikho indawo yabo bangenampumelelo apha elizweni; baphela ukukhanya bavele bagutyungelwe bubumnyama bangabonakali tu. UDavid wabangumhlobo wam kodwa, kwathi ke ukusukela ngelo xesha sahlobana ngalo, ndamthabatha njengomntu endikhuphisana naye ekufuneka equkuliwe wehliswa kwelo hashe liphezulu lobungangamsha nelithandwayo alikhweleyo ehle eze ezantsi. Ngoko ke, ngawo onke amandla endiwaphiweyo, ndiya kuhlwayela imbewu yomona engaphakathi efihlakeleyo ukuze injongo yam ifezekiswe: njongo leyo iyeyokuba ndibe ngcono kunaye. Nje, ngandlela ithile.

Kwathi ngelinye ilanga, sasidlala ibhola ekhatywayo apha ekuhlaleni namanye amajida, yasuka ibhola yantinga yaya kuthi gqum kwifestile kaMnumzana Kunta esasingamphiwanga. Savela sonke sathi sa saya kwiindawo ezahlukeneyo okweembuzane ezigcwele luloyiko. Intlonipho endaba nayo noncomeko olwakhulayo ngakuDavid yaba kuxa wahamba okwegorha waya kuloo ndlu yaloo ntloko lukhuni yaloo tata. Wayithabatha ibhola leyo, waza wankqonkqoza emnyango, wahlala waba nencoko eyiyo naye, ezama ukunqanda amanz’ angangeni endlwini, ngenxa yokuthukuthela kwakhe.

“Qaphelani nangakumbi, makwedini. Kwaye ke kwakufuneka ukuba ibe sele ithengiwe loo glasi yefestile yam ngomso, okanye kungenjalo niya kuzifumanisa nisenkathazweni, boodyakalashendini abanamaqhinga!” Wakhuza uMnumzana Kunta, inqindi lakhe liphakanyiswe lijongiswe nqo kuthi. Kodwa kunjalo, akazange ayilandelele loo nto yaloo festile, wayiyeka nje yaphelel’ emehlweni.

Hayi ke umona ngakum wavela waphinda-phindwa izishumi.

***

Khawukhe usixelele: Ucinga ukuba umona onomnqweno uyakwazi ukuba uzale into elungileyo? Ingaba yinto edaliweyo ukuba sibe nomona onomnqweno ngezinto abahlobo bethu ababalasele ngazo?