Abaxhasi bakaIsaac Modise babesoloko benovakalelo olukhulu. Kumsebenzi wakhe, wayekulindele oku. Xa abaxhasi bakhe besenza idinga noIsaac, ubomi babo babuthanda ukuba ngamahla-ndinyuka kwaye bunengxwabangxwaba.

Bambi kwaba baxhasi babedakumbile benyembezana; bambi kubo bexakanisekile besoyika; bambi ke kubo bekhangeleka bonwabe ngokugqithisileyo.

Amaxesha amaninzi u-Isaac wayelandela ingcebiso katata wakhe. Lo yayingumsebenzi owawusenziwa ngutata wakhe iminyaka emininzi. “Hlala uthe qelele, nyana wam. Yiba ngumsebenzi ondilisekileyo. Ungaze uzibandakanye kuvakalelo nomntu omxhasayo.”

Kodwa hayi kweli ityeli! Hayi kulo wanamhlanje umxhasi. UNkosazana Naledi Tangane!

Ngesizathu esinye, uNkosazana Naledi Tangane wayemhle. Esinye isizathu, uNkosazana Tangane wayentywizisa ngeli lixa athethayo.

“Kodwa ke Mnu Modise, kuza kwenzekani ukuba ndenza impazamo enkulu?” ukhale watsho. “Ndingathini ukuba kunokuthi kanti ndonakalisa ubomi bentombi yam encinci? Kumele ndenzeni?” Nazo iinyembezei zinqamleza kwezo zidlele zakhe zithandekayo zimpuluswa.

Wayesoloko elunyukiswa ngutata wakhe uIsaac: “Musa ukunika abantu ingcebiso. Ayingomsebenzi wakho wakho lowo.”

Ngoko nangoko, uIsaac unike uNkosazana Tangane itshefu emhlophe ecocekileyo. Uthethe ngelizwi elithambileyo wathi, “Nguwe wedwa onokugweba. Nguwe wedwa owaziyo ngokulungele wena nentombi yakho.” Ube nawo nomnqweno wokumanga amxelele ukuba konke kuza kulunga. Kodwa oko kwakungamkelekanga kwaphela! Utata wakhe wayeza kuba nesathuthwane ngumsindo!

Into nje ayenzileyo uIsaac kukuzama ukumenza onwabe. “Ukuba oku kungaphela kusisigqibo esingalunganga, zihlala zikho iindlela zokusijika. Kwaye ke ndakuba ndikho ukuze ndikuncede.”

UIsaac wayeyiqonda kakuhle ingxaki yakhe. Unkosazana Tangane ebesele emchazele ukuba ufudukele kwelinye icala ledolophu. Ebefuna ukuba kude lee nesoka ohlukene nalo ebelimxhaphaza. Ebengumntu omtshutshisayo.

Kodwa ke oku kufuduka bekuthetha ukuba ubashiya ngasemva bonke abahlobo bakhe, abamelwane bakhe, ukhupha intombazanana yakhe kwisikolo sakhe sabo baqalayo, apho le ntombazana ibichulumance khona nalapho ibiziva ikhuselekile.

Kwakumele ukuba azive exhelekile emphufemlweni! Usizana oluthandekayo olunguNkosazana Tangana torho! Usizana oluthandekayo olunguNaledi!

Usuku lomsebenzi lwaluphelile ngoku kuIsaac. Uye wahlala kwigumbi lakhe lokuphumla, erhabula ikofu, ezama ukuphumla. Kodwa kwakunzima ukumkhupha engqondweni yakhe uNkosazana Tangane.

“Yiyeke le nto!” uzixelele oko ekhwaza kweli gumbi lokuphumla lingenamntu. “Ngumxhasi endisebenza naye kuphela lo! Hlala uthe qelele!”

Kodwa wayenokukwenza njani oko? Nokuba wayetheni utata wakhe. Hayi! Wayefuna ukumbona ngamandla. Uza kumndwendwela. Wayeyazi idilesi yendlu yakhe entsha ekwelinye icala ledolophu. Mhlawumbi kwakuza kufuneka aphathe isipha seentyatyambo ukuze ziqhakrazise loo ndlu. Inokuba izele ziibhokisi ezinezinto ezingekapakishwa. Mhlawumbi angaphathela yena nentombi yakhe ukutya kwakwaNando`s. Kunokwenzeka ukuba ikhitshi lakhe elitsha lalingekakulungeli ukuphekela.

“Uxolo Tata,” utshilo uIsaac, nangona utata wakhe wayengekho kuloo ndawo akuyo. “Uxolo. Ndiyazi ukuba oku akwamkelekanga ngokwasemsebenzini, kodwa andikwazi ukuzinceda nam.”

UIsaac uthathe isitshixo sakhe wonda ngomnyango.

***

UIsaac Modise uvumise injini yemoto yakhe. Uqhube isithuthi esikhulu sikayise wasinga kwikhaya elitsha likaNaledi, esi sithuthi sabe sinophawu lwabo olupeyintwe apha ecaleni: MODISE AND SON, FURNITURE REMOVALS.

Laphela ibali