Nokuzola
Ndive nditsalwa ngendlebe. NguLubabalo. Ndiphakamile, ndazivuthulula ndatsho ndachola ubhaka wam. ULubabalo ngelixesha ume phambi kwam. “Ukuba uyayazi into ekulungeleyo, akuzuyixelela inqununu lento yenzekileyo. Ayikho indlela yokumnqanda uBusisiwe. Uzakusoloko ekubuyela qho,” utshilo emele chasi kum.

“Ndiyakuva bhuti, akufunekanga ndibonwe kwanawe lo, ndicela uhambe.”

“Inokuba uyandirhalela ngoku, ha ha ha, akunjalo?” Uthe bhunyu ntseke amazinyo ehleka ngathi akekho zingqondweni. Andimphendulanga, koko ndisuke ndahamba ndaya kwigumbi lokufundela.
Utishala wethu weLife Orientation umane ebuza ukuba kutheni abafundi bemane bejika bendijonga. Bendilumkisiwe, ngoko ke andimxelelanga ukuba kwenzeke ntoni.

Emva kweklasi, ngelixesha bendikhawuleza ndisehla, ibhombo yamanzi iwe phambi kwam yatsho imanzisa izihlangu zam. Xa ndiqwalasela ndiqaphele ukuba yikhondom efakwe amanzi lena. Ndijonge phezulu ukuzama ukubona ukuba isuka phi na. Pharha. Suke enye yabetha apha ebusweni kum. Ivesti yam phantsi kwehempe imanzi.

Kucace gca kum, umyalezo wabantwana besikolo ndiyawuva. Ndicinge ukuba zingangenelela zithini iitishala zam. Kodwa ndilumkisiwe ngokuxela. Ndingenza ntoni na?

Ndikhawulezile ukuhamba ndijonge kwiheke yesikolo, ndaphuma ngaphaya kwamasango. Xa kanye ndifika esitalatweni, ndive umntu endikrweca emagxeni. Ndiwise ubhakawam phantsi. Ndenza amanqindi. Ndilindele ukulwa ngoku. Nangona nje ndingabazi ukuba bangaphi abantu abasemvakwam. Ndijike ndilindele nantoni na.

Umntu omde ume bhunxa phambi kwam. Ngubhuti Ncedile, umncedisi esikolweni sethu. Unoncumo ebusweni. Kodwa oluncumo nangona luzamile nje alufikanga kum entliziyweni. Ndinenzondo. Ndiyabila.

“Ndivumele ndikugoduse ukuba kunyanzelekile ugoduke ngoku,” uqalile wandicela. Ndithandabuzile. Utata wathi ndingayikhweli imoto yomnye umntu ndingamxelelanga. Yintoni eyona nto imbi enganzeka kum ngoku? Ikhona engaphezulu kwendiyenziwa apha esikolweni?
Endleleni egodukayo ubhuti Ncedile uthetha ngendlela yokuzilwela.

“Hayi ukusebenzisa amandla Nokuzola. I-ethe-ethe indawo ehlala inkohlakalo emntwini. Umncinci kakhulu ukuba ungazama ukulwa nomntu wonke okuphethe kakubi apha esikolweni. Hayi ngamanqindi ntombi yam. Bangasuke bakoyise.”
Ndithe ndisamamele oko, “Ikuchukumise kangakanani emphefumlweni lento yenzeka kuwe apha esikolweni?”

“Amanqaku am ehlile kakhulu,” nditsho ndifixiza.“Ufunda bani kulonyaka nontombi?”

“uGrade nine.”

“Hayi kaloku, ndingumntu wakudala mna. Leliphi elobanga?” ubuzile eqhula.
Qhuzu qhuzu, intsini emotweni.

Xa endihlisa ehekeni uthe, “Nokuzola, lungiselela ukulwa ngamazwi. Wenzele wena nabo bakungcungcuthekisayo.”