Ndandilapho ezintabeni, mlesi othandekayo, xa ndandibona umqolomba endandingazanga ndiwuqwalasele ngaphambili.

Ndangena ngaphakathi. Wawunuka amaxesha asendulo nemililo eyacima kudala-dala. Phaya kwizithinzi ezingasemva kwakukho indledlana engenelayo. Yayibonakala ikhokelelela nzulu ngaphakathi entabeni. Ndandinakho ukubona ukukhanya okushushu kude phaya. Kodwa okona okwakumangalisa, ndeva isandi sivela kule ndledlana ingenelayo. Yayisesona sandi simyoli, sibalaseleyo ngokuba myoli.

Ndingasichaza njani esi sandi, mlesi othandekayo? Sasimana sisitsho siqhubeka njalo. Intunja nganye emzimbeni wam yayiphulaphule, ukubetha ngakunye kwentliziyo yam kwakucula kunye naso.

Kwaye ingaba yayiyintoni enokuvelisa lo ngxolo imangalisa ngolo hlobo? Kwakumele ukuba ndizibonele ngokwam! Ndaqalisa ukuhamba ndihlisa lo ndledlana ingenelayo inde, inamawa. Kodwa kwavela indoda kwezo zithinzi. Wayenxibe umthika omdakana, onomnqwazi.

“Ndiyaxolisa. Awunakho ukudlulela phambili,” watsho.

“Kodwa kufanelekile! Kufuneka ndibone imvelaphi yesi sandi!”

“Hayi. Awuvumelekanga ukuba wazi izinto ezinjalo. Ndiyaxolisa. Olo lwazi luyimfihlo. Lulungiselelwe kuphela abo bemanyano yobuZalwane obuQaqambileyo.”

“Ngoko ke kufuneka ndizibandakanye nale manyano yobuZalwana obuQaqambileyo,” ndatsho. “Ndizibandakanya njani?”

Wandixelela ke. Yayiyindlela ende nenobucukubhede.

“Okokuqala kufuneka undwendwele iindonga ezitshatyalalisiweyo zeKomkhulu lase-Zimbabwe. Kufuneka ubeke indlebe yakho kwilitye lenyengane uphulaphule ukukhenkceza kwamatyana alo angamawakawaka. Emva koko kufuneka utyelele amahlathi eentaba zase-Rwanda ze uphulaphule igorilla enomqolo ongwevu ibetha isifuba sayo esikhulu.

“Emva koko kufuneka uchithe ubusuku nzulu kwintlango yase-Sahara. Kufuneka uphulaphule isandi semimoya yentlabathi sikhalaza kwiingquzu ezimdakana. Okokugqibela kufuneka undwendwele amathala eencwadi ase-Timbuktu. Kufuneka uphathe incwadi yasendulo esandleni sakho ze umamele isandi ngeli xesha utyhila amaphepha amandulo aphuphuma ubulumko bamandulo. Kungoko kuphela ke, apho uya kuba ulungele ukungena. Kungoko kuphela ke apho uya kuba yinxalenye ngokwenene kwimanyano yobuZalwana obuQaqambileyo.”

Yandithatha iinyanga ezisixhenxe, mlesi othandekayo! Iinyanga ezisixhenxe nayo yonke imali endiyongileyo. Kodwa ekugqibeleni ndabuyela emqolombeni iimfuno zam zifezekisiwe.

Ndasondela ndema kwindledlana engenayo enokukhanya okushushu. Isandi esasivela phakathi kanye nzulu entabeni sasiyolisa ngaphezulu kunokuba ndikhumbula.

Kwakhona, ndaphinda ndadibana nale ndoda inomthika. Wancuma kangangokuba ubuso bakhe bakhazimla nabo.

“Ngxatsho ke, ewe. Ndiyayibona apha emehlweni akho. Uzifezekisile iimfuno zakho. Ngoku uyinxalenye yemanyano yobuZalwana obuQaqambileyo. Ndilandele. Yiza uze kuzibonela.”

Ndamlandela engena nzulu entabeni. Isandi sasivakala yonke indawo endingqongileyo ngoku, sikhwaza yaye sibukhali. Sasihlokoma emaweni sishukumise lo moya ungangcolisekanga. Sasityhutyha kwimithambo yam, sijikeleza engqondweni yam.

Ekugqibeleni, ekugqibeleni ndabonana, ubuso ngobuso, lo nto yayidala le ngxolo inkulu kangako. Ndema ndithabathekile, ndihlunguzela intloko kukumangaliswa. Yayiyi…yayiyi…

***

Oh, kodwa ndiyaxolisa kakhulu, mlesi othandekayo. Andinakho ukukuxelela eli hlebo. Awuvumelekanga ukuba uzazi izinto ezinjalo. Awukabi yinxalenye ngokupheleleyo yemanyano yobuZalwana obuQaqambileyo. Okokuqala kufuneka undwendwele iindonga ezitshatyalalisiweyo zeKomkhulu laseZimbabwe…

Isiphelo