Kude kufutshane ndibone amakhwenkwe ecula esiya ngakuloSivuyile. Iintombi ziyacula ziqhwaba izandla emva kwabo. Ngokukhawuleza ndibaleke ndaya endwlini ukuyokulanda induku nequlo lam.
Utata undixelela ukuba mandihlale phantsi. Ndimthe jezu ngamehlo. Ndibaleke ndaphuma. Ndicinga uBongeka ngalo eli xesha. UGqabagqaba angacingi ukuba uza kwenza unothanda namhlanje.
Ukufika kwam amakhwenkwe sele eyigqibile inyama yentamo. Ndiza kuguya njani ndilambile? Ndisele umqombothi kakhulu.
Ndiqaphele uBongeka endiqobela imehlo. Andidanga ndavuma ncam kwisicelo sakhe. Xa kuthethwa inyani, uGqabagqaba ndiyamoyika. Akunyanzelekanga ayazi kodwa loo nto.
Kukho ingxolo esuka ngasebuhlanti. Ubhuti Luxolo uyalwa. Ulwa nendoda ebekelwe ukuba igade amakhwenkwe ebusuku. Uyibeke phantsi yaye uyibhula ngenduku. Hayi, umkhetha iindawo, iimbambo, amaqatha namagxa. Andiyikholelwa ke le. Ubhuti Mbokodo uyaziwa ngokukhohlakala kwakhe kule lali. Woyikwa nguye wonke umntu. Ewe, sasimbiza Mbokodo, kodwa igama lakhe yayinguTyelovuyo. Abantu babemazi ukuba uyazela into enye imbokodo. Wonzakalise abantu abaninzi ngayo. Uyaziwa ngobukroti bakhe. Unesibindi ubhuti Luxolo. Onke amakhwenkwe abukele.
Kuthiwa le ndoda ithe umama odlwengulweyo kuleveki iphelileyo uzicelele ngoba ebehamba yedwa ukuyokutheza. Ubhuti Luxolo uchukumisekile yilento watsho ebetha kuqala kuMbokodo. Abantu abayikholelwa ke le. Kodwa mna ndiyaqonda – ebecinga ngomama. Ndiyavuya ukuba nobhuti onjengaye.
“Hayi, andikwazi ukuya kwaNtsela nawe ngomso.” Emva kwam ndive ilizwi lomntu ozama ukuziqinisa. NguBongeka. UGgqabagqaba umbambe kabuhlungu ngengalo. Ndizamile ukuziqinisa. Ndiyokumxelela ukuba amyeke. Gongqo, gongqo kabini imithamo emide apha emqombothini. Intliziyo yam ibetha kakhulu ngoku. Ndiyoyika ukuba uza kufuna ukulwa.
Khwasu, ukuphakama ndisiya kubo. “Myeke, myeke ahambe,” nditshilo kuGqabagqaba.
Uyeke ingalo kaBongeka wagxanya ukuzokufika phambi kwam. Ndime ngathi ndibethelelwe kuloo ndawo. Andibaleki namhlanje. Kodwa kwakule ngqondo yam ndicinga ukuba ndiyayoyika le nja.
Ufinyeze ihempe yam emanqindini akhe ekhwaza, “ucinga ukuba ungenza ntoni? Yitsho.”
“Mbongeni, singayenza le nto. Ewe, kufuneka silwe ngoba yintombi yam lena. Kodwa ukuba undoyisile, yazi ukuba kuza kufuneka uphinde ujongane nomkhuluwa wam.”
“Ucinga ndiyoyika? He kwedini! Ngubani umkhuluwa wakho?”
“Umkhuluwa wam nguLuxolo. Ewe, lowa.” Ndikhombe apho ame khona uLuxolo. Le ndoda agqibokuyibetha isapenapena ziintlungu phantsi.
Uwafake atshona amanqindi esifubeni endityhala uGqabagqaba. Watsho ejika ejonga kuBongeka. “Nyhani Bongeka, uyayithanda le ntwana?”
“Yhu, ndingathini ukuthandana naye kanti andimthandi? Ndiyamthanda.” Utshilo uBongeka esiza kum. Ujikelise isandla sakhe esinqeni sam. Ndive kamnandi xa endiphuza entanyeni. “Ndiyamthanda,” uphinde watsho ejika ejonga kuGqabagqaba.
“Kwedini, uyayazi ukuba ndilifumane njani eli gama lithi Gqabagqaba? Ndakwenzela msinyane.”
“Ucinga ukuba siyakhathala ngawo lo umzuzu,” kuphendule uBongeka engenalo nexhala.
Nditsho ndimkhapha ukugoduka uBongeka. Uyavuya ngokuba ndikwazile ukumnqandela.
“Khawutsho, undincamisile. Ingaba ibithetha nto loo nto?” ndimbuzile.
“Hayi ncam,” uphendule watsho. Utsale induku yam esandleni wayilahla phantsi. Undiphuze emlonyeni. Wakhe wahlala. Ha! Utsho kamnandi.
“Uyavuya ke ngoku?”
Ndisuke nje ndancuma.