USintu, ikumkani eze ngobuso ezweni, ungqengqe ngomqolo kumandlalo wakhe. Upholelwe ngamalanga njengokuba umsitho wokuthweswa kwakhe ugxoja gxojwe kukuna kwemvula nje. Ayimkhathazi into yokuba useyikumkani engenasikhahlelo. Uvula  iingalo, uziva ekhululekile.

Kodwa le mvakalelo yonwabisayo ithi shwaka kwakuthi qatha iingxaki zakhe engqondweni yakhe, ezingenasisombululo. Uziqotha abe yibhola angcangcazele.

Uphakamisela amehlo akhe kuphahla olufulelwe ngengca. Ujika awaphose kudonga olutyatyekwe ngodaka. Uzixelela kwelokuba alibale ngobomi basedolophini nesithandwa sakhe asishiye ngemva. Uzama ukuziqhelanisa nobomi ezilalini. Kakade kule lali kulapho inkaba yakhe ilele khona.

Ngeli xesha uSintu eselusizini, uKhayone ungena kokwabo emanzi tixi kukunethwa yimvula. Ubeka unyawo phezu kwamatye amabini adlala indima yesituphu phambi komnyango wekhitshi. Eli khitshi linqugwalaelineefestile ezincinci, nomnyango  wokungena awukuvumeli ukuba  ungene ungagontshanga. Alihonjiswanga ngafenitshala ininzi ngaphandle nje kweezitulo ezimbini, ezinde ezenziwe ngemithi  netafile endala. Imbiza emnyama yokupheka emlilweniisesizikithini sendlu, eziko. Le ndlu iyafana nekaSintu ntonje yahluke ngevumba lomsi nobulongwe ekusindwe ngabo emgangathweni.

“Tata nomama, jongani ngubhut’ Khayone,” kutsho uNomzamo, udadewabo eziphosa kuKhayone.

“Lowo ufile kum,” kutsho uNgungunyana, uyise, etshica phantsi. “Andinanyana.”

Phambi kokuba uKhayone ahlale phantsi, imvuzemvuze enguNomzamo imphathele isitya siphuphuma ngumngqusho neetapile.

“Ndiyarhana ubungatyi ngokwaneleyo esibhedlele,” utsho ngelizwi elikhenkceza kamnandi uNomzamo.

Esakhongozele isidlo sikadadewabo uKhayone, kuphazamisa uNgungunyana, uyise, ngelirhabaxa: “Sapha kum ndimfunze. Ndinike ukuze ndimnike esandleni njengoko yonke into ebomini efun’ ukuyinikw’ esandleni.”

Uyawuthobela umyalelo kayise uNomzamo. Sifika ezandleni zikaNgungunyana, asibeke phantsi ngononophela emva koko usikhabele kuKhayone oxele kude kuye, ngolunya.. Kuthi saa iinkozo zomngqusho namagaqana eetapile phantsi.

“Nantsi indlela yokondla izinja nooNontywentywe, indlela yokubaqinisa,” kutsho uNgungunyana efiphele ebusweni.

Sijikeleza side saxhaswe lunyawo lukaKhayone, sesigoqoza eso sitya.

“Tyela apho phantsi njandini, kakade ufanelwe yiloo ndawo, bhlethi fuli!” Utsho emtyityimbisela umnwe uNgungunyana.

***

Sixelele: Ingaba olu lwamkelo lukaKhayone ekhaya lubonakaliswa nguNgungunyana lukwenza uzive njani? Kutheni ephethwe ngolu hlobo nje uKhayone?