Usuku 76
Namhlanje yimini yokuxoxwa kwetyala. Uninzi lwabantu luhleli ecaleni elinye – ngasekhohlo kukaSintu. UKhayone ngumayedwa ngasekunene, ujongene negquba labantu. Esazulwini kuhleli uSintu kwisitulo esakhiwe ngomthi onqabileyo. Uxhagwe nguGananda namanye amaphakathi.

Ndiyayibona impixwano anayo ngaphakathi uSintu. Uxambulisana neengcinga zakhe.

Yinto eqhelekileyo ukuba ityala elilolu hlobo lithathe iinyanga eziliqela phambi kokuba lisonjululwe. Ityala elize noKhayone lixoxwa ngeeyure ezimbalwa, emva koko kuwiswe isigwebo. Kwisigwebo sakhe, ikumkani ithi:

“Goduka Khayone, nyana kaNgungunyana, ubuyele apho ubuvela. Le nkundla ibafumana bengenatyala abamangalelwa. Le nkundla ayinakunika wena isidima sobudoda. Wawulinikiwe ithuba lokuba ube yindoda, awaphumelela. Awunamagunya okufaka isikhalazo kule nkundla. Le nkundla yeyamadoda. Wena awuyondoda.”

Siyawuncumisa umzi esi sigwebo sekumkani kodwa ndibona eneentloni yinto ayenzileyo. Ujonge ngaphaya kwebandla lakhe, kwisithandwa sakhe uMothusi. Uqhwatyelwa izandla yilalli. Ubonakala engqwabalala, eyinkokheli yokwenene emehlweni abo. Kude kunqwale noGananda ekholisiwe sisigqibo esithathwe nguSintu. Kodwa uSintu waphukile emphefumlweni.

Usuku 79Ingxelo Yonookrawuzana
Usasikhumbula esa sithembiso sikaloliwe senziwa nguKhayone ku-Onikwa? Emva kokuba echithiwe komkhulu, uKhayone wathenga amatikiti amabani odidi lokuqala kwisikhululo sikaloliwe. Ayikhuthula kanobom impokotho yakhe. Bahambe ngentseni yangoLwesine bathatha uloliwe ophuma ngentsimbi yesibini emva kwemini. Babejonge ukuya kwilizwe elikude, apho kwakungenje. Babebambene ngezandla bekhwela  kuloliwe naxa behlala ezitulweni zikaloliwe, babenje ngeentakazana ziphila iphupho lazo. Kuthe kwakuvakaliswa ukunduluka kukaloliwe wabonwa uKhayone ethethela endlebeni ka-Onikwa, waphakama esitulweni.

Emzuzwini zavalwa iingcango zikaloliwe wabe u-Onikwa ehleli yedwa. Wathi eqala ukushukuma uloliwa waqaphela ngoKhayone, ngekona yeliso, ewangawangisa isandla. Wambona engaphaya kwefestile, iinyawo zakhe zisemgangathweni, ngaphandle kwekhareji labo, eshiyekela ngasemva.

“Misan’ uloliwe!” kwatsho u-Onikwa engxola. Kwakungekho mntu onamandla okumisa uloliwe uhamba kwelo khareji wayekulo.

Wagungqisa  iingcango zekhareji ukuba zivuleke. Wabuya nelize. Wayama ngawo watsho isimbonono, ediniwe. Wayengathuthuzeleki. Kwakuza kuba ziyure ezisixhenxe phambi kokuba afike uloliwe amise kwesinye isikhululo.

Ethubeni wabhaqa iphetshana empokothweni yakhe. Wafunda amagama athi:

Eyona ngoma emyoli bendikubhalele yona ayisayi kuvakaliswa. Ndiyazi, nam ndophuke intliziyo, kodwa isiphelo esibi sisiqalo esihle.

Ngeli xesha u-Onikwa agxwala kuloliwe, uKhayone wayeqabela iNtaba Yethemba. Wayembukela engasentla uloliwe ejujuma eleqa ilanga litshona, ethabathela isithandwa sakhe enkululekweni, kubomi obutsha.

Wahlala phantsi komthunzi womnga namakhala efumbathe iinkowane ezibulalayo. Zaba ngumthamo emlonyeni wakhe. Umzimba wakhe wohlukana nomphefumlo, yabe intliziyo yakhe isadubula idangatye lokuthanda u-Onikwa.

***

Sixelele ukuba ucinga ntoni: Uyamgxeka uKhayone ngokuzibulala? Kutheni?