Usuku 69

USintu
Ngokuya bendikhawulela uMothusi bekukho into ethi liza kuba selubala ihlebo lam. Utamnci ebendirhanela kule nto. Andikwazi nokuxoka, eyona nto endihluphayo yileyo. Ukuba ndikhe ndabuzwa ekhaya ukuba ndazana njani noMothusi, ngenene ndiza kuzombela ingcwaba ndizingcwabe kulo.

Ubona nje ndineminyaka isixhenxe ndithandana noMothusi. Ukuzamkela ndakufundiswa nguMothusi. IkwanguMothusi owandivulela amazibuko ndayixolela into endiyiyo. Uyenze intliziyo yam yamhlophe, ndakwazi ukungafihlisi ngendlela endiziva ngayo nangolu thando lwethu phaya edolophini.

Ndikothusile?

Sasikhe sathetha ngomtshato kodwa bendisoloko ndiqhwayela emva. Ndiyaziwa kokwabo, yaye bandamkela. Kodwa usapho lwam lona…  Ndaxoka kuye ndathi ndibaxelele abazali bam ngathi yaye bayayivuyela le nto endikuyo ngokuba ndifumane umntu ondithandayo.

Andizange ndayiphatha into elolu hlobo ekhaya. Babeza kuyithini le nto yokuba ndiyigeyi eneenjongo zokutshatana nenye indoda?

Ndikhumbula into eyenziwa ngutata kwabanye oobhuti ekwakusithiwa ziigeyi ekuhlaleni. Kwathiwa benza ubugqwirha. Imizi yabo yatshiswa yaluthuthu ngabahlali belali belandela umyalelo katata. Wathimba yonke into eyayi yeyabo. Babhaciswa baqalekiswa kule lali. Ungafane uzicingele umngcipheko endiya kuba kuwo mhla uphutshuluka umsila wembila.

Zange ndimxelela uMothusi apho ndisuka khona, ngekhaya lam. Nangoku ndandimk’ edolophini zange ndiyaleze nokuba ndiyaphi. Bendingawusabeli umnxeba wakhe ngabom. Wazi njani ukuba ndilapha?

“Undibize ngokwakho. Undithumele zonke iinkcukacha ngendlela eza apha,” undiphendule uMothusi xa ndimbuza ukuba ufike njani apha.

“Ndingayenza njan’ into ebubutyhakala ngolo hlobo?” nditsho ngomsindo.

Undibize ngelithi ‘sithandwa sam’ ezama ukuba ndithob’ igazi, ndamxhaya. Andifuni andibize ngalo nto apha. Iindonga zineendlebe kulo lonke elakwaNoqabaka.

“Ndifumene umyalezo wakho undicenga ukuba ndize kokwenu, ndifike ngokukhawuleza. Uthe uyandidinga,” wacacisa.

‘Nawe wakholelwa kulo nto,’ ndatsho ngelokugwexa.

Ndanyanzelisa ukuba andibonise loo myalezo athetha ngawo. Wandinika unomyayi wakhe ndazifundela. Ndathi ndakubona uNoqabaka esijonge ngangaqhwanyaziyo, ndayifunda ivaliwe eyokuba ngumsunguli weli yelenqe, nguye othumele le mbalelwano kuMothusi.

Wayesazi ukuba ndiza kuthi makahambe uMothusi apha. Nangoku, ndamcenga ndimbongoza ukuba ahambe, abuyele edolophini.

“Ndiza kulandela ithuba livuma,” ndithembise ndatsho kuMothusi.

“Uzicingela wedwa wena Sintu. Omnye umntu awumkhathalelanga. Andizi kkuvumela wenze loo nto kum. Lo mda ungaka phakathi kwethu uthi mandithini kanye kanye? Ndiyakukhumbula. Ndidinga ukuba nawe,” kutsho uMothusi.

“Andikwazi ukuba nawe apha. Abazali bam abandazi ukuba ndiyintoni, Mothusi. Abanakuyamkela le nto siyiqhubayo ukuba ndingabaxelela. Akukho mntu unoyamkela le nto kwaNoqabaka. Ndingukumkani apha. Andikwazi … ukuba yigeyi.

“Kungcono sihambe sobabini sibuyele edolophini ke.”

“Andikwazi. Uyabona phaya edolophini kwa …” Ndandiza kufana nesidenge ukuba ndandilindele ukuba azikholelwe izinto ezandibalekisa edolophini. Ndinoxanduva apha, kukho umntu odinga uncedo lwam, ocalulwa njengam, ikheswa. Le ndlela bamphethe ngayo yile ndlela ndiza kuphathwa ngayo ukuba lingabhaqwa ihlebo lam. Kungako ndamilisel’ iingcambu kwelithi makabuyele edolophini. Ndatsho ndibuyisela iimpahla zakhe emotweni.

“Andiyindawo ngaphandle kwakho,” utsho ephakamise ilizwi. Onke amehlo ajoliswa kuthi. “Ndixolel’ ukufa kunokuba ndahlukaniswe nawe.”

“Ucinga ukuba nguRomeo and Juliet lo, bubomi bam obu sithetha ngabo apha. Uthando aloyisi nto tu waNoqabaka. Khangela into eyenziwa ngabantu bam. Bangcungcuthekisa umfo ongenanto yakwenza nento ethe yamehlela. Bathi nguNofotyela. Bamfulathele, bafuna ukuba afuduke. Nabakowabo bakule nto.”

“Ukuba undiyeke ndahamba, ndiyathembisaasoze ndiphinde ndikudube ebomini bakho. Uyagqibelisa ukundibona.” utsho engadlali.

Bendifuna ahambe kodwa kungade kucace ukuba ndiphulukana naye umphelo. Kwanyanzeleka ukuba ndiqine isibindi, ndimvulele amasango angene ekhaya, ahambe ngalo mini ave ethanda ngayo. Andingethandi ukwehlukana naye, kodwa ecaleni bendimelwe nakukuhlangula uKhayone kule meko akuyo. Nakuye ndiza kuqweba isibindi ndimlungiselele.

“Ungahlala kodwa undincede ingaveli le nto siyenzayo. Ndiza kuthi ungumhlobo wam phaya ekhaya. Ndiza kuthi ulungiselelwe indlu yokulala eyeyakho. Akho nto iza kuqhubeka phakathi kwethu siselapha, Mothusi. Asithintani.”

Uthe ndiligwala, wabuya wathembisa ngokulandela le migaqo yakube ithambile intliziyo yakhe.

“Ukuba ungaphuma egusheni baza kude baziqhelanise nale nto uyiyo.”

“Awunakubuqonda ubunzima bale nto,” ndatsho ndimkhokelela kwindlu aza kulala kuyo.

Kuthe emzuzwini ndeva kunkqonkqozwa emnyango. Yayingutamnci efuna sithethe bucala, phandle.

“Ndiyivile into endiyivileyo. Abantu abanje ngawe bayandonyanyisa,” utshilo. “Kutheni la nkwenkwe isithi ‘sithandwa sam’ nje kuwe? Uyayazi nje into esiyenzayo ngabantu abanje ngani apha ekuhlaleni?”

Wandijonga ngamehlo abanga ukuba ndibe  nesazela. Ndagevezela amadolo. Uyandazi andinakumxokisela kuphele.

“Ucinga ukwenza ntoni ngala Nofotyela?” undibuzile.

“Ndiza kumnika isidima esimfaneleyo. Akazenzanga.”

“Ayizokwenzeka loo nto,” utshilo, akugqiba wandiyalela emandikwenze.

Uthe ndibeke ityala ngakuKhayone ngokungaphumeleli kwakhe esuthwini. Ukuba andenzi ngolo hlobo ndiza kumfumana uMothusi efile. Nam ndiza kuba ngofileyo. Ndiphakathi kwedabi lokusindisa ubomi bukaMothusi nokukhusela isidima sikaKhayone.

***

Sixelele: Ingaba uSintu unyanisile xa athi umntu wasedolophini ofana noMothusi akanakuyiqonda indlela yasezilalini, apho kudliwa ngendeb’ endala?