“Siyokuthenga! Siyokuthenga!” UAfrika watsiba-tsiba phambi koDintle. Umama wakhe uMmewa Afrika wamncumela, waza uDintle waqhwaba izandla.

“Ewe,” watsho uMme wa Afrika, “ngoko ke nxiba izihlangu zakho. Kufuneka sikhawuleze. Kusafuneka sihambile siye esikhululweni sebhasi.”

Esikhululweni sebhasi, babebaninzi abantu ababelinde ibhasi. Besakuba bonke bengenile ebhasini, bonke babexinene. UMme wa Afrika wamsingatha uDintle. Kwahlala omnye umama ecaleni kwakhe. UAfrika wahlala kwelinye icala likamama wakhe, ecudiseke ngasefestileni. Kodwa wayengakhathazekanga konke konke kuba lento yayithetha ukuba uza kukwazi ukukroba ngefestile.

Ekugqibeleni umqhubi wakhwaza, “Isikhululo sokugqibela!”

“Yiza, Afrika. Sehla apha,” watsho umama wakhe.

Emva kokuba behlile ebhasini, uMme wa Afrika wambeleka uDintle. “Hamba kufutshane nam,” waxelela uAfrika. “Yindawo ephithizela kakhulu le.”

Ngenene kwakuphithizela. Kwakukho abantu abathwele iingxowa betyhala iinqwelwana ezizele zizinto ezithengiweyo. Kwakukho umamaa owayeyingcekelele entloko eyakhe impahla ethengiweyo.