UNeo wakroba phandle ngefestile yegumbi lakhe, ejonge ubungwevu nokusibekela kwezulu nezantyalantyala zamanzi ezidame kweso sitalato sibonakala naso singwevu kwakunye nabantu abamanzi nababonakala bengwevu, bekhawuleza kuba bebaleka loo mvula ingwevu ibaxhaphazayo. Wayengakwazi ukuphuma phandle, kwaye wayesele emfundele zonke iincwadi zakhe uMbali.

Kanye ngelo thuba, kwangena uGogo, iinwele zakhe zivukuzwe ngumoya ovuthuza phandle. Wayephethe into ethile ngesandla. UNeo wayeyibona ukuba yinto ebusibaca, ebusikwere, nenemibala emininzi le … kwaye iyavuleka – kanye oku kwetyesi enobutyebi!

“Le yayiyeyona ncwadi ndiyithandayo xa ndandisemncinane njengawe lo,” uGogo wamxelela oko uNeo. “Lo yayingumnyango wam wokungena kwihlabathi elikhulu nelibanzi.”

Emva koko, wavula incwadi leyo

Kwiphepha lokuqala kwakukho umfanekiso wendawo yomlingo, ekude kakhulu nengafaniyo nale mini imbi nengwevu, isibekeleyo ayibona phandle. Ithafa laliluhlaza yaka, kuthe rhwelele imibalanyana ebugolide namdaka apha naphaya, phezulu kuthe gqume isibhakabhaka esihle, esikhulu nesizuba, kunye nelanga elishushu, elityheli, litshisa loo mhlaba uphantsi kwalo.

“Wowu! Ingaba le nto yinyaniso?” wakhuza uNeo.

UGogo wancuma. “Akuyazi na? Onke amabali ayinyaniso, ukuba uyakholelwa kuwo,” watsho. Emva koko wolatha indawo kwelo phepha apho kwakuhamba khona inkwenkwana, engangoNeo lo kanye, inqumla ithafa.