U-Apiyo waqala wacula kakuhle akabinangxaki. Kwalandela u-Atieno, naye wacula kakuhle.

Ekugqibeleni kwacula u-Ajoh. Wayenexhala kakhulu. Wathi xa eqala ukucula ilizwi latshothoza namazwi engoma akavakala kakuhle. Wakhwaza u-Unyalego wathi, “Awukwazi ukucula kakuhle njengabanye?” Inyoka yabona ukuba nguye kanye u-Ajoh owayethathe amazinyo egolide.

Bimbilili! U-Unyalego wamginya uAjoh. Oodadewabo babaleka bagoduka bayokuxela esi senzo sibi kangaka esenzekileyo.

Sixelele: Ufunde ntoni kwelibali?