‘Usesmkwni?’ ubhalile uSbu.

‘Kancinci’ uphendulile uK8. ‘Aknto. Bayaxolisa ngoknishawuta. Bebenomsindo cos abafuni ndize namakhwnkw. Ba sharp ngku.’

‘OK’ ubhalile uSbu. Ubengekho sharp but ubesazi ukuba uK8 uyazama. Wamringela ngo Adelle, nangefowuni.

‘Ndizobuza uBulana’ Ubhalile u K8.

U Sbu ulindile. Emva kwexashana yakhala ifowuni yakhe.

‘Hi’ utshilo uK8. “Ndithethe naye, akazi mntu obizwa uAdelle. Kodwa uthe okabazi abantu abaninzi abebe sembadleni. Uyaqhayisa ngaloo nto.’

‘OK’.

‘Uyizamile i phone book yakhe? Ukhona omaziyo ukuba uphi for sho.’

Ndizozama ngoku.’ Utshilo uSbu.’ Uyibeke phantsi ifowuni yakhe wathatha ekaAdelle. Wavula iphone book yakhe.

Isimanga, zazintlanu kuphela iinumbers ezibhaliweyo, zinamagama afunny: ‘Azure’, ‘Hyena’, ‘Maman’, ‘Museum no ‘The Eye’

Yayingathi yinto yasefilimini. Uzame u’Azure’ kuqala.

‘Hello, kuse Azure Hotel apha!’

‘Hi’ utshilo uSbu. “Eh, unomntu obizwa uAdelle apho? Ndinefowuni yakhe’.

‘Yima ndikhangele’ litshilo ilizwi emxebeni. Kuthulekile kancinci, emva kwethutyana, ‘ Uxolo mnumzana, akukho mntu obizwa njalo ohlala apha.’

‘Ok, enkosi’ utshilo uSbu. Wazama inumber elandelayo, wafumanisa ukuba yinkampani yoonogada ebizwa ukuba yi Hyena Personal Guards.

‘Hayi bo mfondini’ litshilo izwi elirhabaxa emnxebeni. “Asinikisi ngeenkcukacha zabantu esisebenzisana nabo’

Inombolo elandelayo, ethi ‘Maman’ ithathe ixesha elide ukuxhumeka,kwaphendula umntu othetha isiFrentshi. uSbu uzame ukubuza ngoAdelle. ‘Desolé, je comprends pas’, itshilo inkosikazi yomFrentshi, yabeka phantsi ifowuni.

U ‘Museum’ wayengumhlola ngaphezulu. Yayimpendulo yomatshini weMuseum yase lokishini, eMonti.

‘Hello? Daily Eye, ngu John othethayo’, itshilo indoda emnxebeni. U Sbu ucacisile ukuba ufumene ifowuni embadleni kumntu ongu Adelle. ‘U Adelle? U Adelle womFrentshi?’

‘Ewe’, utshilo uSbu.

Lendoda isemnxebeni ikhohlele kancinci.

‘Ndizakunik’ifive hundred rand ngalo fowuni.


Ucinga ukuba kuqhubeka ntoni?

Kutheni kungekho umntu omaziyo uAdelle?

Ucinga ukuba kutheni lentatheli ifuna lefowuni?