Sikhule ngokwahlukileyo kwindlela abakhule ngayo abazali bethu.

Xa sasibancinci, abazali bethu babesithi amantombazana makangawatyi amasi, amaqanda kunye nenkukhu kuba oku kutya kwenza amantombazana akhule ngokukhawuleza okugqithisileyo kwaye zenza igazi labo libeshushu kakhulu. Inye ke into abayakuyifuna, ngamakhwenkwe.

Kodwa ngoku, kule mihla, into efunwa ngabantu abatsha lubisi, iRama kunye namaqanda.

Futhi ngaloo mihla yabazali bethu, bekusenziwa itheko ngomhla owodwa. Xa intombi yokuqala igqiba iminyaka engamashumi amabini ananye, abazali babexhela ibhokhwe, benze utywala besiZulu, babize izizalwane kunye nabamelwane. Emva kokuhlinza ibhokhwe, bebethabatha ufele balijijele engalweni yale ntombazana.

Ngale ndlela bebeqinisekisa ukuba le ntombazana ayisoze isokole. Xa indala, iyakufumana umyeni kwaye ifumane abantwana.

Kodwa kule mihla, abantu abancinci bohlukile. Abafuni ukugcina izinto ezazisenziwa ngabazali babo. Bathi, “Bazakuthini abahlobo bethu?” Xa begqiba iminyaka engamashumi amabini ananye, badlala iigumbagumba, bavule ifestile. Baphucuke kakhulu.

***

Imingcwabo yakudala neyangoku

Xa sisiya emingcwabeni kule mihla akusafani nakuqala.

Kuqala, bekufuneka sizole emingcwabeni. Kwakungathi asivumelekanga ukuba siziphathe kakubi xa kukho umntu oswelekileyo elusatsheni. Kwakufuneka siziphathe kakuhle, xa uthetha ungathetheli phezulu.

Ngokwesiqhelo, le nkosikazi ibhujelwe yindoda ibisambatha ityali emagxeni, ihlale phantsi ngenzolo phambi kwamakhandlela. Ayivumelekanga ukuba iphakame apho kude kufike imini yomngcwabo, kwaye kufuneka ingathethi nabantu. Ukuba ufuna ukuthetha nale nkosikazi kufuneka uhambe kancinci usondele kuyo, uthethele phantsi.

Ngoku abantu benza izinto ngeendlela ezahlukileyo. Abazolanga. Bathethela phezulu. Basela utywala ngexesha lokuzila, ngakumbi ukuba lo mntu ubhubhileyo ebelinxila.

Bathi, “Ewe ebengumhlobo wethu kwaye kufuneka sisele ngoku kuba besisela sonke. Kufuneka sisele kakhulu namhlanje kuba bazakumsusa kuthi.”

Ngelinye ixesha uye ubone le nkosikazi ibhujelwe yindoda iphakama ikhulula ityali isilwa nabantu bosapho.

Kutshanje ndikhe ndaya kwimingcwabo emibini eyahlukeneyo. Omnye yayingokamama, apho ke izinto zazisenziwa ngendlela efanelekileyo.

Omnye yayingumngcwabo ongaqhelekanga tu.

Funeral

***

Umngcwabo kamama

Umama wam usweleke kulo nyaka uphelileyo eLadysmith. Uthe ke akusweleka, thina silusapho, saqokelelana sahamba sonke saya eLadysmith apho wayekade ehlala khona.

Apho ke sahlala ngaphakathi endlwini, lonke usapho, bonke abamelwane kunye nezihlobo.

Xa kukho umntu oswelekileyo kwisizwe sethu, kudla ngokuba bonke abantu beze endlwini bathethe ngalo mntu ubhubhileyo. Into endayithanda kakhulu ngale ndibano kukuba bonke abantu ababekhona bathetha izinto ezintle ngomama.

Bachaza ngendlela awayethanda ngayo ukuya ecaweni nezinye izinto ezininzi awayedla ngokuzenza. Bathi wayebanceda abamelwane kwaye wayedla ngokuthetha nabafazana abancinci azame ukubachazela ngezinto xa beneengxaki. Bonke babemthanda.

Ngoku ke njengokuba eswelekile, bonke babekhona, besihla benyuka apha endlwini besincedisa. Zange kufuneke nokuba sipheke isidlo sangokuhlwa kuba babebaninzi kakhulu abantu abasincedisayo, kwaye bephaka.

NgoLwesihlanu kwabakho inkonzo yesikhumbuzo kwaye uMfundisi uGodfrey weza apha endlwini.

Sithe sakuqalisa ukuthandaza, uMfundisi wathetha ngaye. Wathi, “Eli nenekazi, belomelele. Ubedla ngokuza ecaweni nokuba uphatheke kabuhlungu ngamadolo. Kodwa ngenye imini ndathi kuye, `Ungazihluphi ngokuza apha. Kukude kakhulu. Ndiza kuza kwisection yenu ndenze umthandazo kunye nani nina bantu badala. Ke uxelele nabanye abantu abadala baqokelelane apho kwakho.’ “

U-Mfundisi waqala ke ukumana esiya ekhayeni lakhe, engenisela abantu abadala umthandazo.

Kodwa ngenye imini umama walinda nje uMfundisi amke. Emva koko, wamlandela waya ecaweni. Uthe emva kokuhamba ixesha elide, wadinwa kakhulu wahlala phantsi ecaleni kwendlela.

Emva kwexesha, uMfundisi wagqitha evela kwezinye iindawo ngemoto. Uthe akumbona ehleli ecaleni kwendlela wathi, “Awu, kutheni ulapha?”

Wathi, “Owu hayi, soze ndiyimele lento. Ndiyathanda ukuza ecaweni kuba abantu bacula kamnandi ecaweni. Kodwa phaya ekhaya thina bantu badala asiculi kamnandi. Yiyo le nto ndinganeliseki xa ndingekho ecaweni.”

Father and the Gogo

U-Mfundisi wathi kuye, “Owu, ngena emotweni, masihambe.” Kwafuneka ke ukuba amane emsa ecaweni, aphinde ambuyise qho, kuba wabona ukuba indlela inde kakhulu kwaye kwakufuneka ahambe umgama omde ngeenyawo.

Watsho njalo ke uMfundisi.

Amanye amakhosikazi amancinane athi, “Owu, xa ndandisilwa namanye amakhosikazi okanye nomyeni wam, uMakhulu ebendinceda.”

Abanye bathi, “Xa kwakufanele ndiye kusebenza uMakhulu ebesiza ekhaya aze kundincedisa, ajonge abantwana bam kwaye abaphe ukutya. Ngoku silahlekelwe. Asazi ngubani ozakusinceda.”

Owu, bonke bathetha izinto ezintle ngaye.

NgoMgqibelo sonke saya kumngcwaba.