Bafundi abathandekayo,

Amabali akule ncwadi abaliswa nguSibongile, aze abhalwa phantsi nguAndrea noHeather.

U-Sibongile uyathanda ukuthetha ngezinto ezenzeka ebomini bakhe. Kwisithuba sexesha elide wabalisela uAndrea ngamava akhe.

Sasingabafundi ekhosini yemfundo yabantu abadala. Kule khosi safumanisa ukuba kukho imfuneko enkulu yeencwadi zokufunda ezilungiselelwe abafundi abaqalayo ukufunda. Sithe sakuxelelwa ukuba masakhe iprowujekthi, sagqiba ekubeni sibhale incwadi. Sacinga ukuba amabali kaSibongile angabanika umdla abantu abadala abafuna ukufunda iSingesi.

Sabuza uSibongile ukuba angathanda ukubabalisela ngantoni na abafundi, wathi, “Ndifuna ukuthetha ngendlela esihlupheka ngayo.”

Sawathanda amabali kaSibongile kwaye safunda lukhulu kuwo. Kodwa ke sacinga ukuba, “Mhlawumbi abafundi bayazazi zonke ezi zinto uSibongile athetha ngazo. Mhlawumbi bafuna into eyahlukileyo.”

Kodwa uSibongile wathi, “Ndicinga ukuba la mabali abalungele abafundi, kuba abantu bayalibala ngezinto ezazikade zisenzeka.”

Sagqiba ekubeni sifake imifanekiso kwamanye amabali ukuze le ncwadi ibenomtsalane. Sacinga ukuba nina, bafundi ningathanda ukusebenzisa le mifanekiso ukuze nithethe ngezinto ezifana nezi, ezikhe zenzeka kuni. Sacela uJeff Rankin ofundisa ukuzoba eNatal Technikon ukuba asincede. Wayenza le ncwadi yethu yaba yiprowujekthi yabafundi bakhe abakunyaka wesibini. Bayifunda le ncwadi. U-Sibongile wabanceda ngokuthi achaze ukuba aba bantu basebalini bafana okanye babonakalisa ntoni na.

Sakuvuyela ukubhala le ncwadi sisonke, kwaye siyathemba ukuba nawe uyakuyivuyela. Mhlawumbi iyakukukhuthaza ukuba ubhale awakho amabali. Ukuba ufuna uncedo, siyakukunceda ngovuyo. Ungaqhagamshelana nathi kule dilesi elandelayo:

Centre for Adult Education
University of KwaZulu-Natal
Durban 4041
South Africa