Phambi kokuba sifudukele kwaMashu sasihlala eGlebeland. Apho ke sasihlala ezindlwini zodaka. Yayizizindlu zooronta kwaye uphahla lwalenziwe ngengca.

Abamelwane bethu eGlebeland yayingamaNdiya. Yayingabahlobo bethu, iintanga zam sidlala nazo sisikha amanzi empompeni.

Naxa sisiya ecaweni sasihamba kunye. Kodwa ke, amaNdiya ayengangeni kule yethu icawe. Sasisiya ecaweni yawo eClairwood.

Nabazali bethu babencokola namaNdiya ngokungathi bancokola nabanye abantu abaNtsundu.

Ndiyakhumbula, umama wayethanda ukupheka imifino. Yonke imihla ebesikha imifino emitsha esitiyeni, ayipheke ngembiza enkulu. Amanenekazi amaNdiya ayeyiva imifino ngevumba esezindlwini zawo, kwaye ayedla ngokuthi, “Yhu Mama, upheka imifino emnandi namhlanje, inuka kamnandi.”

Good neighbours

Ke umama ubedla ngokuhleka athi kubo, “ Ewe, kulungile, ndizakunibonisa ukuba iphekwa njani imifino, ukuze nani niyive ukuba mnandi kwayo.” Ngezinye iimini amaNdiya ebebonisa umama ukuba iphekwa njani na iroti nekheri. Yhu, le kheri ibibaba kakhulu, kodwa yayimnandi.

Kodwa ngenye imini ndeva kabuhlungu kakhulu kuba babefudusela amaNdiya eClairwood.

Asizange siphinde sibonane, ngaphandle nje kokuba ecaweni yethu umshumayeli wathi, “Owu, kule cawe izayo siya eClairwood kwaye sizakudibana namaNdiya phaya.”

Emva kwecawe besisiya ezindlwini zabo, siye kufumana ukutya neziselo. Emva koko sikhwele iibhasi sigoduke.