Kukho isiko lwesiXhosa elidala elinenkqayi. Kweli siko inkwenkwe endala ifundiswa ukuba yindoda. Eli siko lenzeka eBusika, ubukhulu becala, kuba ngeli xesha kulula ukuba abakhwetha baphole emva kokusikwa. Lihle eli siko neenjongo zalo. Inkwenkwe iba ngumkhwetha isuke ekhayeni ihlaliswe namanye amakhwenkwe baqeqeshwe ngamakhankatha ukuba babe ngamadoda akwaziyo ukuba negalelo elihle eluntwini. Ingxaki endinayo ngeli siko elihle yile yokuba amanina akavunyelwa ukuba athabathe inxaxheba kuqeqesho. Xa umkhwetha elukile esele eyindoda akahlali namanye amadoda kuphela. Uhlala eluntwini elinamanina. Ukuqeqesha abakhwetha ngaphandle kokunika amanina uxanduva lokuxhamla yimpazamo ngokuba ekugqibeleni indoda yakha usapho nomfazi. Ayizi kwakha usapho nenye indoda ebukhulwini becala. Ngoko ke kubalulekile ukuba amanina ahlomle nawo apha engqeqeshweni ukuba afuna ukwakha imizi namadoda ahlobo luni na . Ndingumntu ongumama, andivumelekanga ukuba ndiyazi into efundiswayo kulwaluko. Ekuthetheni inyani, abakhwetha bayalelwa ukuba bathethathethane nabafazi ukuba bayalwa ntoni na. Iimfundinso zasebukhwetheni ziyinzulu yemfihlakalo. Xa umkhwetha ethetha nabantu abangoomama ukuba kwenziwa ntoni elwalukeni kuye kuthiwe uethe–ethe , akomelelanga yaye unolwimi. Ndinengxaki nale mfihlo njengomzali wamakhwenkwe amabini. Andifuni ukuba abantwana bam baqeqeshelwe ebumnyameni. Anditsho ukuba njengomntu ongumama ndifuna ukuya ebhomeni nam ndisike, kodwa ingaske kanti singachazelwa singabafazi ukuba yintoni le engaka embi efundiswa abantwana bethu. Ndazi izizinto ezimbi mna ezifihlwayo. Into entle ifana nesibane kufuneka sibekwe phezulu singagqunywa. Ke ngoku, xa ezimfundiso zasebukhwetheni zifihlwa ndiba nexhala ukuba bafundiswa ubudoda obungasebenzeli uluntu. Ndazi abakhwetha abaninzi abaphuma bayokoluka beluncedo ekhayeni, umntu ekwazi ukuthunywa ngunina ahlambe izitya, atshayele, acoce naye acoceke. Kodwa xa ebuya esuthwini mkhwetha lo uba neengqondo ezimbi zokuba akamameli kwaye akathunywa zitya kuba akangomfazi. Ndikholwa ukuba wonke umntu otyayo funeka akwazi ukuziphekela, akwazi ukuhlamba nezitya. Ubudoda abutsho ukonqena okanye ukulindela ukuba amanina zizicaka zokucoca. Lilonke ndithi abafazi namadoda funeka babambisane ekwakheni uluntu olunentlonipho. Ngoko ke apha elwalukeni, funeka abafazi baziswe ukuba kufundiswa ntoni na kanye-kanye, akonelanga ukuthi kufundiswa abakhwetha ukuba babe ngamadoda nokuba bafundiswa ngamasiko nezithethe. Mayichazwe yonke into abayifundiswayo kuba kaloku sihlala exesheni elibi apho amadoda edlwengula, ebetha, esiba, ebulala. Anditsho ukuba yonke lento bayifundiswe eSuthwini kodwa ngokombono wam, ukuya eSuthwini funeka kugxininise ekufundiseni ukuba akubethwa kuyathethwa, akubulalwana, akudlwengulwana kwaye ubudoda abuboniswa ngokukrexeza nokuba nabafazi abaninzi kuba kaloku ezi zimbo zimbi zichaphazela amanina kakubi apha ekuhlaleni. Zisiphilisa ubomi bentshontsho.

Ekugqibeleni ndithi mna ayikho imfundiso entle efundiselwa ebumnyameni ingathi bubugqwirha, into entle ifuna ukuthethwa ithiwe thaca elubala ibe sekukhanyeni.

***