Ndikhule kusithiwa xa ubhityile umhle, umntu otyebileyo yena ebebonwa njengomntu obawayo nowonqenayo. Ekukhuleni kwam iintengiso zazigcwele amayeza neepilisi kwanemixube enceda ekwehliseni isisindo somzimba. Ebutsheni bam amaphephandaba noomabonakude ayesoloko ebonakalisa abantu ababhityileyo ingabona abahle. Kwakunqabile ukubona umlinganisi kamabonakude otyebileyo edlala indawo ephambili. Konke oku bekusenziwa kukuba singabantu abamnyama besiphembelelwa ngamazwe aseNtshona emasikweni ethu.

NgokwesiXhosa umntu otyebileyo ubonwa njengomntu owondlekileyo, nonwabileyo. Yile nto kudla ngokuthiwa xa kubonwa umntu otshatileyo etyebile, kuthiwa uthandiwe emzini kwaye wonwabile okanye kuthiwe uthandiwe ngumzi. Ziimpembelelo zaseNtshona ezisenze sathabathela ngakuthi indlela abantu baseNtshona ababona ngayo into ekuthiwa bubuhle. EsiXhoseni eli gama elithi ukutyeba lichaza izinto ezintle, ukuba sisityebi kutsho ukuba ngumntu onemali nenkqubela. NgokwesiXhosa ukutyeba ayiyo nto embi kodwa sithe siluluntu sakudibana nabantu baseNtshona sazibona sifuna ufaniselana nabo sathanda lento abayithandayo, safuna ukuzitshintsha ubuqu bethu sizifanise nabo.

Kule mihla abantu abamnyama babuyela ekuthandeni iinwele zabo zingoluhlobo zivela ngalo enkqayini. Siyayeka noko ukuzigxeka iinwele zethu asizibizi ngamaqothololo. Ngeemini zocalucalulo kwakuye kuthiwe abantu abamnyama abazukwazi ukuphangela ebhankini okanye kwaRhulumente bengakhange bazolule iinwele zabo. Kudala sasifaka imixube namachiza entloko okuba atshintshe ubume beenwele zethu zibe yephu-yephu zifane neenwele zabantu bangaseNtshona. Luphelile ucalucalulo eMzants’ Afrika siphila phantsi kwentando yeninzi ngoko ke siyazamkela singabantu, sizithanda ngobunjalo bethu. Siyaqonda ukuba kubalulekile ukuzithanda nokuzithemba ngeenwele zethu, ngemizimba yethu, nangolusu lwethu. Siyaqonda ukuba sidalwe ngembonakalo yoMdali kwaye sibahle ngendalo, akunyanzelekanga ukuba side sifane nabanye abantu baseNtshona sibe neewele eziyephu-yephu nolusu olumhlophe ukuze samkeleke. Yinkqubela ukuzamkela ngobunjani bethu.

***