Ngcuka yambethe ufele lwemvu
Nkunzana ehlaba kuqaqambe
Kwabhanga konke kwesam
Kwatshabalala ndijongile
Nyangani manyange konakele
Vumisani magqirha nank’umhlola
Ngxengxezani kuQamata makholwa
Vumani nimbongoza nicela
Kuxananazile ukufa endleleni
Kuqhumis’udushe kuleq’amaxhoba
Ngubani na onokusilwela kwesisilo
Ngubani na ikroti lokufa
Umhlaba uzele ngamangcwaba
Iziqhamo nemifuno zichumile
Umhlaba wondliwe zizidumbu
Isango lengcwaba livuleke genge
Umphefumlo wam wonakele
Uwudwishile kufa okwenja ifile
Ndikhalile ndophela undilimaza
Ndilunyamezele ulwamvila lwakho
Uyalana nokubona izinyo lentsini
Wambathisa iintsapho ngobumnyama
Ungumthombo wokubi nesijwili
Wena mdali weenkedama nosizi
Uzihluthile izihlobo zam
Walana nabo endibathandayo
Undixhelile emphefumlweni ndalila
Woman umthombo weenyembezi zam
Ingaba ndim na oyakulandela
Ingaba ndiyakusala ndigxwala
Ndivunduza ndedwa ezweni lokufa
Ndikhusele Qamata ubelikrele lam