Ngcuka yambethe ufele lwemvu
Nkunzana ehlaba kuqaqambe
Kwabhanga konke kwesam
Kwatshabalala ndijongile

Nyangani manyange konakele
Vumisani magqirha nank’umhlola
Ngxengxezani kuQamata makholwa
Vumani nimbongoza nicela

Kuxananazile ukufa endleleni
Kuqhumis’udushe kuleq’amaxhoba
Ngubani na onokusilwela kwesisilo
Ngubani na ikroti lokufa

Umhlaba uzele ngamangcwaba
Iziqhamo nemifuno zichumile
Umhlaba wondliwe zizidumbu
Isango lengcwaba livuleke genge

Umphefumlo wam wonakele
Uwudwishile kufa okwenja ifile
Ndikhalile ndophela undilimaza
Ndilunyamezele ulwamvila lwakho

Uyalana nokubona izinyo lentsini
Wambathisa iintsapho ngobumnyama
Ungumthombo wokubi nesijwili
Wena mdali weenkedama nosizi

Uzihluthile izihlobo zam
Walana nabo endibathandayo
Undixhelile emphefumlweni ndalila
Woman umthombo weenyembezi zam

Ingaba ndim na oyakulandela
Ingaba ndiyakusala ndigxwala
Ndivunduza ndedwa ezweni lokufa
Ndikhusele Qamata ubelikrele lam