Umtyholi ukhe wangena emzini kaYobhi yabe le ngwevu ihleli phakathi kwekhaya noonyana bayo abazintanda labe inikiniki, idlakadlaka le dlavu elingu Davide lihleli entlango. UThixo wakuyibona le meko ahleli kuyo uDavide wathuma unyana ka Hanna uSamuweli ukuba ahambe ayokubulala amandla kaMtyholi.

Wathi xa efika uSamuweli wababiza oonyana balengwevu , wathi ndithunyiwe okokuba ndizokuveza amandla kaThixo, yababiza lengwevu oonyana bayo basondela. Bathe bakusondela waqala kowokuqala uSamuweli, wadlula wagqithela kwabanye, wavela umbuzo usithi “Jese ingaba baphelele oonyana bakho kusini na?” Ithi impendulo “Ukhona omnye osentlango.” Kuthwa thumelisa ayokubizwa.

Yiba nombono womntu obehleli entlango xa esiza phakathi kwekhaya. Xa evela uDavide kuthwa wabhomboloza uSamuweli esithi “Nanko ofanele ukugcotywa.” Bavakala abantakwabo besithi Yhini na! Inceba kaThixo iwele kwinikiniki elinjena. Mhlawumbi kusenokwenzeka uyazibuza yintoni ebangela ndicaphule elibali, kungokuba nelam ibali liphantse labufana neli lika Davide kuba emveni kokuphuma kwam entolongweni kwabakho inkonzo enkulu yokubekwa kweenkokheli enkonzweni nam inceba kaThixo ayizange indedlule ngenxa yendawo ebendikuyo.

Nam uThixo wandisikelela ngesipho sokuba sisicatshulwa somshumayeli isub-deacon ngabula-makhumsha, kuba kakade uThixo akadluli mntwini xa ezakusikelela umntwana wakhe. Baqale bagxeka abantu ekuhlaleni nditsho nasenkonzweni imbala besithi bekuphele abantu abanokubekwa benziwe iinkokheli kusini na lento sekubekwa namabhantinti? Bayilibala intetho yakowethu ethi: Igolide ifumaneka ebugxwayibeni.

Kuzo zonke ezo zinto ndandisomelezwa ngamazwi akwiincwadi zika Yeremiya amazwi athethwa ngu Yehova athi “Ndingekakubumbi esizalweni bendikwazi; Ungekaphumi embilinini ndakungcwalisa, ndakumisa wangumprofeti weentlanga.’’ Iqhuba ithi “Uyabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho.’’ Ngalomazwi ke ayendikhuthaza xa abantu begxeka begxibha ubizo nesipho esivela kuThixo.

Eli ke likhwelo ndithi kubantakwethu ze bahlabe bekhangele kuba uSathana uphume iphulo. Futhi xa esiza emntwini uza esazi isidingo salomntu ukuba siyintoni. Ukuba ungumfundi wezibhalo uyakukhumbula ukuba umtyholi wathi wakusibona isidingo sikaYesu sisesiswini wathi ukuba unguye nyhani unyana kaThixo jika lamatye abezizonka. Ukuba uxakekele imali usathana uzakulinga kanye ngesi sidingo sakho.

Lento ndiyithethayo ndiyithetha ndinolwazi lwayo, kuba kakade umazi wendlela ngokhe wayihamba ngaphambili, iye ithi intetho yesiXhosa: Ukuba pha ngaphesheya kunesaqhwithi nenkqwithela vala iifestile ngoba singeza nakuwe. Le ndlela inameva, iyahlaba lendlela, inamty’amakhulu lendlela inezikhubekiso.

Kodwa okubalulekileyo ndifikile apho bendibhalele khona. Ndithi ndakujonga ngemva ndikhumbule intlango esendidlule kuyo. Nakulendawo ndikuyo andifikanga ngenxa yobukrelekrele bam okanye ngokwam ukuqonda, koko ndifike ngamandla kaBawo. Ndihambe intlango emnyama neyoyikekayo, kuba kakade uhambo lwasemhlabeni asiyondlela imthebelele.

Lunamaxesha okunyuka intaba, kodwa nangona kunjalo uThixo undithwele kwade kwalapha inene ngoku ndingatsho ngokupheleleyo ndithi ndifikile ngamandla kaBawo.

Apha endleleni akhange kubelula ndinemikrwelo yamazipho kaSathana, ndibhonte yimibhalo ihambo-nzima isarhoqozwe ebusweni kum. Ecaleni kwendlela bezikhona iinyoka ezinobuhlungu, kodwa akhange zindenze nto. Kulontlango yoyikekayo ndide ndaphumela nangona singafikanga sonke nje, kuba abanye ndibashiya besekweso sithokothoko sobumnyama. Ndiyambulela mna uThixo ngokuthi andihlangule.

Ewe khona ebekho amathuba okuphela kwethemba , nokwehla kweenyembezi zingenamnqandi kodwa okubalulekileyo ndifikile apho bendibhalele khona, ndihambe ngendlela yentaba. Ibikho elula nemfutshane kodwa ndakhetha ukunyuka intaba.

Ndibulela uThixo namawethu angasekhoyo amaBhele akuloKhuboni, Iint’ezinqul’uLanga. OonoNtanda kuphakanyiswa, OonoMbikazi ngob’umntu ongxathu akalahlwa , oosengel’abantwana xa likhithika. Iint’ezidiba de zidibe nendlela. Iint’ezimpundu zinge zingangiwa. IBhele laphekwa nelitye , lavuthw’ilitye lasal’iBhele. Nditsh’abadla isikhwebu sakwamkhwekazi kwaNoqambulo. Inyath’eyasinda abazingeli sebeyosele. Iint’ezingawudliyo umbilini wenkomo , zidl’owenyamakazi.

Kude kwalapha besenam!

***