Andingeyichazi yonke ngobunjalo bayo intshumayelo yalomini, eyona ndawo yandihlaba umxhwelo kuxa sele ebavulela abaphulaphuli ukuba bangene elizwini, kodwa nanjengawuphi na umfundisi waqale wabagabulela izigcawu.

“Lithi bantakwethu, lithi yitshoni , litsho njalo. Xelani ningayifihli lento, akukalungi ngoku kusebubini. Isithembiso sithi ukuba ngaba anikhululwanga, indoda nganye sizakuyikrulunqa iliso lase Kunene, kodwa wathi wokufika umyalezo othi yitshoni lavuseleleka ithemba. Ingathi ndiyakubona ukuba nethemba kumnyama.”

Ngeloxesha kwakusele kuthe cwaka ngoku nguwo wonke umntu apha esiseleni, int’wapha eyayinqabile, futhi eyayingafane yenzeke, ndabudela ubuthongo ndaqonda ukuba mandibaze indlebe nangakumbi, wabe eqhuba umfundisi engayekanga.

“Ukuba nethemba kumnyama ukuba uThixo uyakhulula. UThixo nguThixo okhululayo, uthi abantu besithi udlakazela nje loThixo uzakunceda njani?” Waphinda umfundisi wayonyathela kwindawo ekwakuzakubambelelwa kuyo lomini.

“Yitshoni kumadoda aseYabheshe, phaya eGiliyadi, yitshoni kuwo ukuba ngomso, lakufudumala ilanga azakukhululwa.”

Loo mazwi anga ayesitsho kum kuba ndayithatha yonke into eyayithethwa lo mini ndayizisa kum. Lo ntshumayelo yaba likrele kweyam intliziyo. Ndlela le kwakushunyayelwa ngayo yayingathi kuthethwa kubhekiswa kum. Mve ke umfundisi xa ezekelisa esenjenje.

“Ithi eny’indoda ilele ecaleni kwechiba ixesha elide, ingaqondi icinga ukuba uThixo uyilibele, ngoba ebakhulula abantu ijongile. UThixo uzakukhulula. Andazi ukuba uza kukhulula nini, kodwa uza kukhululwa nguThixo. Linda ngomso ukufudumala kwelanga. Owakho ungomso, usenongafiki ngomso, usenongafiki kuleveki ezayo, nakulenyanga izayo usenongafiki owakho ungomso, kodwa kuyo yonke lonto mayingakulahlekeli inyaniso yokuba uyeza nowakho ungomso. Ngomso xa kanye lifudumalayo ilanga uzakukhululwa. Kuzakuqala kubekusasa, kodwa xa lifudumalayo ilanga uze uqonde kakuhle ukuba ifikile inkululo.”

Lo ntshumayelo yandenza ndajonga izinto ngeny’indlela, ndatshinstha nendlela endandithandaza ngayo ndathandaza mthandazo wumbi. “UThixo makakhawuleze, makafakele amavili akhawulezayo, ukuze akhawuleze afike ungomso wam, nam ndizokukhululwa.” Ndavakala ndisitsho, ndandisele ndikufutshane ekulahleni itawuli ndinikezele. Watshintsha owam umthandazo lo mini yalomvuselelo.

Ah! Yavakala isitsho sendibona usondela ekunikeni usisi Nomonde kaVakalisa naye akathi ukubhula umbethe.
“Namhlanje ndingakwicala lakho, nam ndibhekisa kuThixo , ndithi mamela Thixo lomntwana kuba kudala elindile, mphulaphuli ndifun’ukuthi kuThixo lo unyaka mayibe ngunyaka wokukhululwa kwalomntu.”

Lawo abangamazwi akhe okugqibela, phofu mandingathi ngawokugqibela mandithi okugqibela endiwakhumbulayo kulontshumayelo.

Wafika wona umhla owawukade uxelwa, futhi wafika ngathi kudala, kwangalomini kwam kum kwathi tha lontshumayelo yayithetha ngokukhululwa. Lowo ke yayingumhla endandiphuma ngawo entolongweni yaseDrakenstein yayingathi kuyaxokwa, ndavuka ngenj’ixukuxa ngalontsasa, ndayohlala kwitafile yenkcenkce eyayikwalapho.

Ndathi ndisazimamele ndinjalo suke watsho umbhobho ukhwaza igama lam, undiyalela ukuba mandibheke esangweni elikhula, ndandiphelekwa ngamapolisa ukuya esangweni elikhulu, ndabona ngabantu basekhaya ndiseza kude: Umama, uXolela, kunye noNosiphiwe udad’ethu, umntu owayengekho nguPhindile. Azange ndibe sabuza lonto nam, ndandivuyela ukuba ndiphuma kwaFaro. UBongani into yakwaSokwaliwa yayikhona kwibutha labantu elalindikhapha ukundisa esangweni.

“Ndiyarhalela ukukubona nangaphandle kwezi ndonga, kuba ndikhumbula iinyembezi zakho mhla wawufika apha, ndikwakhumbula nokholo lwakho kuThixo wapostile ulungenalo naluphi na uhanahaniso. Ndiyakuyala ke ukuba uze ulukhwezele olo kholo njengomlilo, uThixo akasinikanga umoya wobugwala koko usinike amandla othando nawengqondo ephilileyo, ngoko ke uzungabinantloni ukungqina ubungangamsha bukaThixo nangapha kwez’ndonga. Uhambe kakuhle mntakwethu!”

Wathi ukugqiba ukutsho oko wandanga ndabe ndimbona ukuba intliziyo yakhe ilihlwili ngokuhamba kwam, kodwa ndiyaqonda wayengakhathazwa kukuba ndibuyela ekhaya. Eyona nto ndibona ukuba yayimkhathaza zingcinga zokuba uza kuphinda amfumane phi umhlobo onjengam, kuba into ekuthwa ngumhlobo entolongweni yayinqabe okonodoli oyinkwenkwe.

Inqabe okwenyani etywaleni. Mhlawumbi wayezibuza imibuzo engenampendulo kuba kaloku nam ndabanjwa kudala esentolongweni, ndiyaqonda ukuba ukundibona ndiphinda ndiphuma yena esengaphakathi yamenza ukuba acinge nzulu umf’omkhulu. Ndaphuma mna ngamasango ndikhawulelwa ngamalungu osapho. Ukususela loomini ndenza umnqophiso noThixo ndathi makandizale ngokutsha kulawule eyeyakhe intando ebomini bam.

Zininzi izinto ezazisenzeka endlini ngoku ndandilibele kuhlala entolongweni, kodwa eyona yandothusayo yile yokuba emveni kweminyaka emihlanu umama esehla esenyuka efuna ukuba side sifumane imali kaBhele kumsebenzi ewayexelanga kuwo, yade yaphuma nayo kanye kulonyaka wokuphuma kwam. Ndazoyiva ngomkhuluwa wam uXolela kwiveki ezandulela ezi zokukhululwa kwam ukuba imali kaBhele ide yaphuma, yandonwabisa into yokuva kwam ezondaba.

Kodwa eyona eyafike yaphinda yalumeza kukuva ukuba kubantu ebabebhalisiwe emalini ndandingoyena owayebhalwe njengoyena okumele afumane esona sixa sininzi xa imali isabiwa. Lonto yandishiya ndizibuza imibuza engenampendulo, ndashiyeka ndizibuza kwandedwa ukuba uBhele wayenziswa yintoni lonto kuba ndandiyazi ukuba lomcimbi welifa uyakusishiya esizintlaba zahlukane. Futhi ndandisazi ukuba uyakudala umsantsa phakathi kwam nabakhuluwa bam nodad’wethu, nyhani ke kwabanjalo ukuphuma kwam entolongweni sajongana ngezikhondo zamehlo ngenxa yelifa.

Emveni kokubuya kwam entolongweni kulapho zaqala zatshintsha khona izinto ekhaya, zaqala zavela iintanda zeyantlukwano ngaphakathi kwethu thina bonyana baka Bhele. Yaba sesika Abheli noKhayeni phakathi kwethu, uPhindile ke nolivela-tanci kumama notata wasuke wasukela inci le indim. Unobangela ikukuba ngubani oshiywe nelifa nguBhele umzi wasuka wangenwa sisidunga-mzi, unozala wenkohlakalo umona.

Zasuka zaguquka izinto zathi ebekumele ukuba zisentla zasuka zangezantsi, kambe utshaba lwasekhaya xa sele lungenwe ngumona luyingozi ukogqitha utshaba lwasebumelwaneni. Kuba inkulu emveni kokuba engasekho utata , emveni kokuba ivile ukuba uBhele wabhalisa mna kwimali zakhe zelifa nangona ndiyimpelo. Yathatha isigqibo sokujolisa umkhonto ekhaya, nasekhaya kum mna mninawa wayo umnta’kayise ezalwa naye. Ndandisele ndiyivile kuXolela ndisengaphakathi into yokuba umkhuluwa wam uPhindile ububuhlungu benyushu emveni kwam ngenxa yelifa.

Ndavakala ndikhala ndichiphizisa ndibuza kumkhuluwa wam uPhindile “Mkhuluwa kwakunganelanga na owawabelwe kona kwilifa likaBawo?” kuba naye kukhona owakufumanayo kodwa azange isikhathalele nokusikhathalela eso simbonono, wasuka wazenza lula izinto zokuhlatyaniselwa kwam kuba engumphathi wamadini ekhaya.

Umkhuluwa wayesuke aveze into engathi yinkathalo, azimise njengejaji yenkundla ephakamileyo, ekhupha isandla solwango novelwano. Ngalo lonke eloxesha wayebetha amalungu osapho nam imbala ngemfe iphindiwe, kuba kakade xa umntu epheka iyelekenqe ephenjelelwa ngumona nokunyoluka uhlala ngathi ulilungisa abe ephanyake amehlo omabini ebulungiseni, injongo ikukuphuca umphefumlo. Kwakungasekho nalomfesane kwinkulu yasekhaya uPhindile umafungashe kaBhele ngexesha iphekana neyelekenqe lokundibhukuqa, kuba kakade umona awukhathalele bani usisizeka bani songavani kwabantu bephuma sibelekweni sinye .
Azange kudlule veki zingaphi sele ilibophe laluqima iyelekenqe lokundibhukuqa le ingumkhuluwa.

Ndathi ngomnye umhla ndimbona ukuba uyangqunga umf’omkhulu, yabe into enam ingabethelwa nangu-do ndathi ndakumjonga ndabona ukuba umkhuluwa uzele yinzondo, wayengakwazi nokundijonga. Ndamhlalisa phantsi ndizama ukumbonisa ngobungozi inzondo engamfaka kubo. Kwingcebiso yam ndamfundisa ngamandla othando labantu abazalanayo, ndaqukumbela ngokucaphula kwenye yenkcuba buchopho.

“When love awakens in your life, in the night of your heart. It is like the dawn breaking within you. Where before there was no anonymity, now there is intimacy; Where before there was fear, now there is courage; where before in your life there was awkwardness, now there is a rhythm of grace and gracefulness. When love awakens in your life, it is like a rebirth, a new beginning
, Mkhuluwa suka kwindawo ohleli kuyo zalwa ngokutsha.”

Ndayibona ukuba iyanyibilika lo ntliziyo ilukhuni yelitye, ndibona ukuba iintetho zam zayigxotsha ingcinga engendawo kumkhuluwa. Wacula culo limbi emveni kokuba ndilitshitshisile icebo lakho lakhe lokundibhukuqa, kuba ndava iintetho zakhe kwisidlo esasinaso ngalomini ekhaya. Sasisonke etafileni, nto leyo eyayisele ingenzeki kwaBhele, ngenxa yengxabano esasinazo ngaphakathi kwekhaya. Esiya isidlo sokuqala apho sasithethe sivana.

Ndatsho ngalomini ndathi umntu uyazalwa ngokutsha, nangona enganakubuyela esizalweni sika nina. Ndayingqina lonto mhla ndibona umntu endaguquka ndanguye, nendlela esabuya savana ngayo singabantwana baka Bhele emveni kwethuba elide sijongene ngezikhondo zamehlo…