Awu!!! Ntombela – Zulu – Bhovomhle – Bomvu – Rhadebe
Wena ongazange waliziba igazi lakho kunye nesizwe sakuni,
ebunzimeni bekushiyile
kodwa awabalahla
ngoba uyindoda emadodeni,
ukwazile ukuhlala phantsi wabonisana nabo

Ntombela- Bhovomhle ubeli gorha,
uyibekile induku ebanzi kwisizwe sako Zulu
Wakwazi ukuphakama wahlanganisa usapho lwase mabomvini luqhawuka,
Kodwa wena awahluleka
Ukwazile ukusinyula isizwe sakuni sicinezelwa phantsi

Khumbulani bantu bomzi ontsundu ngentsuku zase sandlwana
Apho ushaka nomntu omnyama wayelixhoba lomntu webala elimhlophe
Kodwa umfo ka Zulu- uShaka akazange asizibe isizwe sakokwabo esintsundu
Umfo u-Shaka ulilwele ibala elimnyama
Whuuntshu Zulu omnyama

Buyani bantu bamnya sihlanganeni
Siyeke ukubulalana sodwa
Ma-Afrika masike si zingce ngobuni bethu noba sekunjani
Umntu ngumntu ngabantu
Yehaaaa! Iyhoooo! Ngcengcelele!