Kowu! Ithiwani into xa injena?
Kowu! Ndithini na xandithetha?
Ndiyeva, kodwa kunzim’ ukuthetha.
Ndiphelele apha ekubhibhidleni,
Noko kambe andisazi isono sam ebomini.

Ozilwelayo yena’usenamadla okulwa.
Ozithethelelayo yen’usenabathetheleli.
Isono sokuphila kakubi andisazi,
Isono sokujongelwa phantsi andisazi,
Kuba nam ndingumntu kwabenye abantu.
Kuba nam ndinenyama negazi.

Khangela ndibolile zizivubeko,
Kuba ndililolo abantu abananimba.
Ndiwa ndivuka ndibethwa ziingqele .
Ndibethwa zizichotho namaqwa, ndincekele.
Ndibethwa ziiqabaka , ndinyamezele.

Ndililifa lezikhohlakali nabangcungcuthekisi.
Ndilixhoba lomvandedwa
Nokuxobuka kwentliziyo,
Ndibizwe lwakubonwa utshaba,
Kuba ndingumkhuseli nomsekeli walo.

Ngamaxesha eziyolo ndiyalityalwa.
Ngamaxesha olonwabo ndiyandlandlathekiswa.
Ndixhelekile sisinga andicudiswa.
Ndityabukile lityathang’ andikhululwa.
Hay’ ukuba nzima bobulolo bam.
Ndinge ndiqalekisa noQamata wam.

Kubuhlungu ukuba lilolo.
Kulusizi ukuba yinkomo edlayodwa.
Iziphoso zam zifaniswa nezamakroti.
Inene, ukuzalwa wedwa ngumlu wanyama,
Inene, kodwa abantu abanambulelo,
Indlela yokumbusa sisikhohlela nenkohlakalo.
Larhosha irhamncwa!!!