Halala!Halala!!Halala!!!
Ndiboleken’ intonga ndisimelele!
Ngumzukulwana wasemaMpondweni ufafa lomfana!
Owu!ndingabhala ndithini na?
Ndingabonga ndiphelele phi na?
Kambe mna ndingumth’ osahlumayo.
Kambe mna ndisaswel’ amandla okuzinikela.

Le nto ifanel’ oodiza-dala kade bemkhwahlaza.
Le nto ifanel’ oothambo-dala kade bemqongqotha.
Sithi bayethi Yamkela Ntwalana!
Sinebhongo neqhayiya ngawe kwedini,
Somthombo wempucuko nenkcubeko
Wena ulikhaya labaNtsundu.
Wena ungumakhi wekamva labatsha.
Nal’ ichibi lethu bantwana bomthonyama.
Lokuqhuqh’ ikwethu ezintlokweni zethu.
Lokususa ubuthuku emehlweni wethu.
Bafondini ngubani na uYamkela Ntwalana?
AsingoMthuthuzeli na ikhankatha lesiXhosa.

Ndithetha ngetitshala yesiXhosa.
Mandihambele mgama kuba sendiqalile.
Kuyala ukuba mandithule
Ndingathethi ngombhexeshi wesiXhosa.
Umntu ungamcuntsa ungamazi,
Kodwa myeke ngosiba lwakhe.
Amazwi akhe enkuthazo ayandomeleza.
Intetha zakhe ziyandichukumisa.
Iimfundiso zakhe ziyanambitheka.
Umfo obethwa ngonyawo lonwabu xa ethetha.
Umve esitsho iholo lihlokome yintswahla.
Izinto akubonise zona soz’ zilibaleke.
Ukubonisa umfanekiso ngqondweni nawe ukholwe,
Utsho kakuhle kuvokotheke akangxami.
Ngenene nangenyaniso nguMfundisi-ntsapho kwisithili saseMthatha.
Qinis’ ubungxathu ntsimbindini usebenze!
Kaloku xa ungenagusha awubaz’ ubuhlanti.
Kuba lihlazo ke ukuphatha umswane wenye indoda.

Yenza amahlandenyuka uxel’ amanzi olwandle,
Kuba wena wawongwa ngobumtu nendzondelelo.
Wofika uchulumancile xa uzakusiphakela uncuthu mazangwa lwemibhalo.
Umfo omkhulu uthobekile yaye uthozamile.
Umfo omkhulu unesidima ngenene ,akaqheliseli.
Ndithethe ndenjenje,ndathi gqi qhaphu emantla ephepha ndisingisel’ emazantsi
Ndathi gqaba gqaba ngamafutshane
Ndenjenje ndenjenje ndenjenjeyaa
phofu ndixelisa yena imbongi yomthonyama xa ibhomboloza itshila
Intshiloza ngetshoba layo.

Ndee sithe ndee gram ndee ncililili ndee shwaka!!!