Ntliziyo yam kutheni ungumkhohlisi?
Ngqondo yam kuthen’ungumphambukisi?
Mehlo wam kuthen’ungaboni?
Ndakuthanda ndiqala ukubona,
ndayidlakazi’ntliziyo yam,
ndayenza’umdliva, ndakunika kanti’uzoyityakatya.
Ndiwe ndivuka, ndibila ndisoma, ndibopha ndikhulula,
Kanti wena undijongela isithukuthezi
nexesha ndilichithile ebudengeni,
kuba wena ixesha lothando awunalo,
ntonje uhambisa ixesha.
Ndikunika uthando, suke wandithiya.
Ndikunika intliziyo, suke wayikruna.
Kanti mna bekufanele ndithini?

Uthando endinalo lundenze intsawintsway’ebik’imbiba ibik’ibuzi,
kuba inqweme lwenkawu ludliwa ngababini,
kutheni singondaba mlonyeni?
Ukuba uthando lumanyano, kutheni sizintsalu,
Ukuba uthando ngumshombo wokuphumla,
kuthen’ ndidiliza umthombo weenyembezi.
Ntliziyo yam, xola.
Xola ntliziyo yam oxhel’eyakh’akabuzwa,
amadoda eza neetshuntshe neentshengece, agece, ahambe.
Xola ntliziyo yam,
ozenzileyo akakhalelwa,
nam sundihlukumeza ntliziyo yam
kuba nam bendingazi, ukuba ubuh’obungaka bobekhiwane.
Xola kalok’ ntliziyo,
ngoba ubuke wangquleka, waxhwaleka, wakruneka,
waxinizeleka uxakene nengxuba kaxak’, uxing’etyeni.
xola ntliziyo yam.