Siwugqibil’unyaka kukunyamezela
Uthwasil’unyaka ziingcinezelo
Idlakadlaka lendlala liyagqugqisa
Kodwa abantwana boMthonyama bayaphuhlisa

Woza 2021!!! Woza!!
Ndob’usiphathel’intywemka
Ndob’usiphathel’ukuphila
Ndob’usiphathel’uXolo nokuphumla
Ndob’usiphathel’impilo
Ndob’uzis’ukukhanya

Ndinethemba lokuba uzisa uncumo ezweni lethu
Ufefe Luka Thixo maluhlale kunye nathi.
Sicel’izingxungxo
Ngenelela 2021 ezizweni Zonke
Ngenelela 2021 Ku Mlisela nakuwo uMthinjana we Africa

Makube chosi zilwa ngamlilo!!!