Mhla undiqhoshisa undibhayizisa ingqondo ngamagam’amnandi wandithembisa.
Wathi koluthando kohlala kukwamlebese kodwa,
Xa kunamhlanje koluthando zigwev’exerha.
Wathi ezethu iintliziyo zohlala zintyumpantyumpeka kwidaka legolide kodwa,
Xa kunamhlanje eyam intliziyo izintsali kumgxobhozo wegazi.

Nobuso bam abusabukeki kukuganga amanqindi neempama zakho.
Andisakwazi nokuncuma kaloku ndiswele amazinyo okuncuma.
Usayibiza ngoba luthando yonke lento uyenzileyo?
Ubonanje wena wandithembisa,

Wathi awakho amandla ngawokundikhusela.
Wena asoze kum uphakamise isandla.
Eyethu into sayilungisa ngomlomo uba ayilungi sawucela abadala.
Kunjani ke xa kunamhlanje Kuba amagama ajonge ezantsi?
Ezakho izithembiso wahlulekile uzifeza.

Wohlulekile ukundinika uthando.
Uyityumzile eyam intliziyo.
Ndimkile!