Kubo bonke ubunzima odlule kubo uzungalibali indlovu ayisindwa ngumboko wayo
kuwo onke amatyathanga owathweleyo
kuzo zonke inkxwaleko nezivubeko ozifumeneyo uzungalibali
kwezontlungu zomphefumlo ezinga pheliyo
kwezo zilonda zingapholiyo
mbopheleleko ezinga khululekiyo
nditsho kuwe wen’onentliziyo engathuthuzelekiyo uzungalibali
kwimpumelelo oyisebenzeleyo
ugqatso olufezileyo kwizinto osafuna ukuzivezekisa uzungalibali
kwiinyembezi zakho zobuhlungu uzungalibali ziseza nemini zovuyo
kwiingxaki ozibhaqa ukuzo
kubumnyama ozibona ukubo uzungalibali kuseza ukukhanya
ungawa uvuka ubhuqwa yindlala kodwa uzungalibali uvuka uzivuthulule ukhangele amadlelo aluhlaza
uzibona sele ujikelwa ngabo ubu bathembile kodwa uzungalibali
ujongelwa phantsi ngabahlobo nazi zalamane bambi bathetha kakubi ngawe kodwa uzungalibali
kungakubi namhlanje kodwa uzungalibali kuza kulunga ngenyi mini
bazakudyobha bakubize ngamagama bakukhombe ngeminwe elisweni kodwa uzungalibali
xa kunyukela ebomini uzungalibali ukuba kuza bakhona netyeli lokwehlela
bubom obu ngoko ke yonke oyenzayo nekwenzelekayo uzunglibali
kusemhlabeni apha inkwali iyaziphandela
uxhele yakhe akabuzwa