Ukususela ekuphumeni kwelalnga kuye ekutshoneni kwalo igama lakhe liyakuba likhulu
Kuzo zonke izizwe zelihlabathi igama lakhe liyokuba likhulu
Kwintlanga zonke, zamagumbi omane alo mhlaba elakhe liyakubalikhulu
Ukuzalwa kwakhe kukuzaliseka kwezibhalo
Ukuzalwa kwakhe kuza nenkululeko
Ukuzalwa kwakhe kukhululwa kwamakhoboka

Selifikile ixesha lokuba zonke izizwe zazi ngaye
Izazi nazo zilande inkwenkwezi ziyofuna yena kuba zifun’ukumazi
Inkokheli zehlabathi zigcwel’ingqumbo kuba sezivile ngaye
Izilwanyana zona zinovuyo kuba azisayi kuba lidini
Igazi lazo alisenamandla kuba sekufik’igazi elinamandla

Amadoda aluthandayo unqulo amile amemezela ngokuzalwa kwakhe kuba bayamazi
Ukuzalwa kwakhe kuza ngentombi engenasiphako kuba naye akanasono
Ukuzalwa kwakhe kukuphiliswa kwezifo kwabo babulalekayo
Ukuzalwa kwakhe kukupheliswa konxano kwabo banxaniweyo
Yena akonanga wonisiwe ukuze sivuke ekufeni

Bonke bafun’ukumazi kuba ubukhulu bakhe buyamangalisa
Ndiva bebemeza ngazwi linye bethi uzelwe ebelindelwe
Uzelwe ozosusa uvalo lwethu
Singabasindileyo kwinzima zethu
Sikhululiwe ematyeleni ngokufika kwakhe