Uwathethile amazwi angakhiyo
Adala owona monakalo nangona
Engumvandedwa wentliziyo.

Uwathethile amazwi angakhiyo
Yangathi ubuwathetha ngezolo
Yade yatshintsha eyam impilo.

Uwathethile amazwi angakhiyo
Aphuma kweyakho intliziyo
Kodwa wawathetha yangathi
Ude walibala ngeyam intliziyo
Nendlela endiziva ngayo.

Uwathethile amazwi angakhiyo
Ndade ndazibuza ingaba yonke
Lento ubuyithethayo ibiyiyo
Okanye ubuqhutywa nje yintliziyo!

Uwathethile amazwi angakhiyo
Ndade ndatshintsha nomntu
Ebendinguye kodwa awuzundenzanto
Kuba umbhali ndisenguye.

Ugama ndinguNcedo Mnconywa
Imbongi esakhasayo.