Umhlaba unuka izidumbu kunzima.
Amadlelo azele ngamangcwaba
Kumaziko wogcino zidumbu isidumbu sikhwele phezu kwesinye.

Iintsapho zitsho esimantshiyane umhla nezolo.
Kaz’uba senzeni?
Ilifu elimnyama liyaphindelela’ ntsuku zonke
Kongene esibhedlele kuba lithamsanqa ukuba aphume esaphila.

Uthando silubonakalisa ngokuqelelana ngoba soyika esi sihelegu.
Kunzima nokuvala amehlo ulale ngoba ingangunaphakade.

Ukuba yintando yakho Nkosi ukuba sife okwe zilwanyana kulungile.