Xa kunokuthiwa uthando yinto emnadi andinophikisa
Xa kwakulumaniseka ukuba uthando lukho semthethweni ndingaphikisa
Xa kunokufumaniseka ukuba uthando layathengiswa ndingathenga
Xa umokuthanda omnye umntu ngalendlela undithanda ngayo andin

Uyandithanda xa wenza khanje?
Uyandithanda xa undibetha ndibenje?
Uyandithanda xa undijolela?
Uyandithanda okanye undincwasile?
Ewe ndiyayazi ukuba awunazo impendulo
Ewe ndiyayazi ukuba awunayo inyani
Ewe ndiyayazi ukuba wawungandithandi
Ewe ndiyayazi ukuba wawungandituni qha wawandincwasite

Wayophula intliziyo yam kuba wandixokisa
Wawophula umphefumlo wam kuba wadlala ngam
Inene uyakwazi ukudlala amadoda
Inene uyakwazi ukulahla amadoda

Ewe ndiyiyo imfama xa kufikwa kwezothando
Ewe ndisiso isibhanxa xa kebekwa ezothando
Ewe andililo iciko xa kuthethwa ezothando
Ewe ndililo iyilo xa kuculwa ezothando

Bathi abantu “Love is blind”
Mna ndithi sithi thina bantu aba “blind”
Xa uthando lungaboni wena ujonge phi?
Xa lungaboni utheni ungalenzi wena lubone?

Bendingazi miselanga ukohlukana nawe
Bendingatisho ukuba soze sohlukane mna nawe
Bendisithi sokohlulwa kukuta
Bendisithi inocwaba lakho lizakuba secaleni kwelam.

Kodwa kucace ngca ukuba bekungamelanga ukuba sidibane kwasekuqa
Kodwa ndiyazisola ukuba kwakutheni zesidibane
Kodwa akasenani kuba sohlukene
Kodwa undiphoxile kumele sohlukane

Kudala ndithandaza ndikunqwenela ubomi obuzele nga mathamsanqa
Kudala ndikunqwenela umntu okufaneleyo ebomini bakho
Kudala ndikubhunqa ndifuna ukuxelela ukuba “Have a nice life”