Wena unothando,
Uthando lwakho luhlukile,
Uyimbokodo ewa ivuka izamela ukuba abantwana bayo balale bese into phantsi kwempumlo.
Uthando lwakho ngelokwenene kuba awusoze uyeke umntwana wakho adlakazele.
Mama, ndiyabulela ngothando lwakho,
Ndiyabulela ngako konke ondenzele kona,
Ngaphandle kwakho andiyonto.
Undifundise ukuhlonipha nembeko.
Imvelaphi yam ndiyayazi.
Ndiyazingca ngawe mama, kuba unothando, noncumo lwakho lundenza ndizive
ndichulumancile.
Ewe, zikhona impazamo endleleni kodwa wena uyandikhuthaza.
Ndiyabulela ngenkuthazo yakho
Nting’ntakandini, Mbokodo yam ndiyakuthanda.