Incukuthu egusheni nguwe.

Ubukeka nje nge golide kodwa ulilahle.
Undenze ndakholelwa kuwe ngokundikhohlisa.
Intliziyo yam yayizele luvuyo nochulumanco kumhlangano wethu wokuqala.
Kuba ndandicinga ndizophila kwilizwe lobusi namasi.
Apho kungekho zintlungu nantlupheko.
Zange ndisibone isizathu sokungakwamkeli empilweni yam.
Kuba wawu bonakala nje nge ngilosi,umhle emehlweni am.
Ndakuthemba ngentliziyo yam,ungekayophuli ngezizathu ezingekhoyo.

Kwezi mpoxo neentlupheko nengxuba kaxaka esele sidlule kuzo,

Ndandifuna ukohlukana nawe.
Ngeenjongo zokuqhubeka nobomi bam.
Kodwa hayi uthando aluboni.

Ndazithembisa ukugcina empilweni yam.
Kodwa wena waqhubeka nokundidlala nangokundikhohlisa.
Ukulala izidlele zimpompoza inyembezi okwezikhukhula kugqiba kunetha Imvulakazi. Kwakuyinto yam.
Kuba uthando aluboni futhi alubuzi
Kuyo yonke leminyaka undenze ndasela kumjelo wamanzi amdaka.

Thando undimfamekisile ngemfamekiso yakho.
Wandikhohlisa ngezenzo zakho ezingathanga ngqo.
Wandifudumeza ngobuxoki bakho.
Wandinyamekisa ngenyamekiso yakho engathanga ngqo.

Ndandifuna ukulishiya eli

Mhlazana ndeva ukuba wena yonke leminyaka

Ubudlala ngemizwa yam okwe siginci sika maskandi