Ndingu mafuza, fulele nje ngelifu lemvula.
Ndinga ndingazibika intlungu nembilini nto nje ndinehlaba.
Bathi luthando kanti lutshaba.
Bathi yimali kanti ngusathana.

Ndizibona ndidakumbile ndigaxeleke ebugxwayibeni.
Ndizibona ndidakumbile ndigaxeleke emngxunyeni wenyosi, ngenjongo zokutya ubusi kanti ndizakhela untshaba.

Lonto bendiba ndiyadlula, kanti inkqayi ingene ngentlondlo.

Kowu! Lento iluthando ingumkhohlisi.
Lento iluthando inabantu bayo.
Lento iluthando ayifuni mntu ulibhetye-bhetye.
Lento iluthando indikhalazise apho kunga fanelekanga ndikhalaze khona

Akwab’ bendiyazile ngoba ndilixhoba lomvandedwa.
Akwab’ bendiyazile ngoba ndilixhoba lobuthongo.
Lentoiluthando asiyonto ngaphandle kwenyaniso
Lentoiluthando asiyonto ngaphandle kwemvisiswano
Lentoiluthando asiyonto ngaphandle koxolelwano
Lentoiluthando asiyonto ngaphandle kwe ntsebenziswano kunye nentembeko.

Ndisuk’ ndanyembezana ngoba xa ndibona umntu wasetyin ndivele ndiphelelwe lithemba.
Ndisuk’ ndanyembezana ngoba xa ndibona intombazana kuvele kuphele uthando.
Bawo baxolele ngoba abayazi into abayenzayo.
Bawo baxolele ngoba basaze ngobuso elizweni.

Ndifihle Nkosi phantsi kwephiko lwakho.
Bawo siphe intliziyo ezikwazi ukonela.
Bawo siphe intliziyo ezikwazi ukuxolela.
Susa inzondo, irhatshi, kunye nesingqala kuthi.
Ngoku singamaxhoba entambo, ngenxa yothando
Ngoku sizintlekisa eluntwini ngenxa yokuthanda.
Kowu! Ubona nje uthando andulwazi.