Yintsusa yolonwabo,
Yintsusa yokudakumba,
Umdingi wenkathalo nomzingisi ozondelelayo.

Kwingingqi yothando isiyatha asomeleli ngamaxesha embandezelo, sidinwa msinya.
Nto leyo ebangela othanda enenjongo anyamezele kuba kaloku yena ungumafung’angajiki.

Uthando akunto ifuna ukulangazelelwa nokuphaphelwa kuba unyawo olungxamayo luyakhawuleza ukuyiphos’indlela.